UPitso Mosimane ucela amaqela angayivumeli la nto yeLiverpool apha eMzantsi Afrika

Sibusiso Vilakazi of Mamelodi Sundowns celebrates goal with Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns during the 2020 Nedbank Cup match between Mamelodi Sundowns and Supersport United at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria on 08 February 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi
Sundowns ukhuthaze ukuzimisela kwamaqela aphambili kwi-Absa Premiership ukuba
avale umsatsa ophakathi kwawo neKaizer Chiefs ekwindawo yokuqala. UPitso
Mosimane ukuthethe oku emva kokuba iSundowns ibethe iBloemfontein Celtic
ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni we-Absa Premiership obuseLoftus
Stadium ngoLwesithathu wale veki. Amanqaku amathathu azuzwe yiSundowns acuthe
umsantsa omkhulu obukade uvulwe yiChiefs ebethwe yiMaritzburg United
ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni obuseFNB Stadium kwiveki
ephelileyo. Umahluko ngoku phakathi kweDowns ekwindawo yesibini neChiefs
ngamanqaku amane qha.

“Siyazi
ukuba umahluko ngamanqaku amane ngoku – kodwa ke ingxaki kukuba akufuneki
sibethwe emidlalwenii eshiyekileyo. Ukuba nibethiwe ngoku, kuphelile ngani.
Kunyanzelekile silwe ukuze sigcine imidlalo ye-Absa Premiership inomtsalane
ebantwini. Ndinethemba lokuba onke amaqela aza kwenza njalo. Makungabikho qela
elizinzayo endaweni elikuyo kude kube sekugqibeleni. Anifuni nina kube njalo
okanye nifuna kwenzeke la nto yenziwa yiLiverpool? Asiyifuni la nto,” utshilo
uPitso encokola neentatheli ePitoli. Amasandawana aza kudlala neVaal University of Technology ngentsimbi yesithathu
emalanga ngeCawe umdlalo weNedbank Cu oza kube useLucas Moripe Stadium.