Motshwari: Ndiyayibulela inkxaso yenu

Umdlali weOrlando Pirates, uBen Motshwari, wenze umbulelo omkhulu kubo bonke abantu abamthumelele imiyalezo yenkxaso.

OkaMotshwari uyinkomo edla yodwa kwezi ntsuku emva kokubhaqwa kwechaphaza lekhorona emzimbeni wakhe kwiveki ephelileyo.

UMotshwari ubabulele abantu emva kokuva okokuba unekhorona esele yosulele abantu abasondele kwizigidi ezine ehlabathini lonke kule veki.

EMzantsi Afrika, abantu abosulelwe yikhorona baqabele ngapha kweshumi elinanye lamawaka kule veki.

“Ndiyibulela yonke imiyalezo yenkuthazo. Ithetha lukhulu kakhulu kum,” utshilo uMotshwari kumyalezo oshicilelweyo othutyeleziswe kuTwitter wePirates ekuqaleni kwale veki. Njengokuba ephantsi konyango naphantsi kwemiqathango yezempilo, uBen Motshwari, 29, ukhuthaze abantu bahloniphe imiyalelo abayinikwayo. “Ndiqhuba kakuhle kakhulu phantsi kwemiqathango yempilo. Ndicela nihlambe izandla, nisebenzise izibulali zeentsholongwane nizogqume ngezicheme,” utshilo uMotshwari.

Lo mdlali weBucs kulindeleke aphile ingekabuyi imidlalo yeAbsa Premiership eyahlehliswa kwinyanga engaphaya kwephelileyo emva kokubhaqwa kwenani eliphezulu labantu abanekhorona eMzantsi Afrika.

Urhulumente waye wazinqumamisa zonke iintshukumo zoluntu ngelizama ukubamba isantya sokosulelana kwabantu.

Nangona kungekacaci ukuba imidlalo iya kudlalwa nini kwakhona, izikhulu zeSafa nePSL ziye zadibanisa iintloko kule veki kwiphondo laseGauteng – apho bezikhangela indlela yokubuyisela imidlalo yebhola ekhatywayo emabaleni.

Kwisigaba sesine sokuhlaliswa ngendlu kwabantu, urhulumente khange akuvumele ukudlalwa kwemidlalo kodwa umphathiswa wezeMidlalo, uNathi Mthethwa, wacela iinkokeli zebhola ekhatywayo zinike urhulumente umkhombandlela oqulethe iindlela ekunokudlalwa phantsi kwazo ngoku kusekho ikhorona.

Amazwe afana neNgilane, iJamani, iFrance neNetherlands aza kudlalisa ibhola ingaphelanga inyanga ezayo.