Ndifuna ibe likhaya lombhoxo iMadibaz, utsho uTredoux

Umqeqeshi omtsha weMadibaz uAndre Tredoux

Umqeqeshi omtsha weMadibaz uAndre Tredoux, uthembisa ngelithi ufuna iqela lakhe libe likhaya elikhiqiza abadlali bombhoxo abatsha eMpuma Koloni.

Lo kaTredoux ugaleleke kwiqela lombhoxo leYunivesithi yaseBhayi ( Nelson Mandela University) kutshanje kwaye uza kuba yinxalenye yamalungiselelo weqela njengokuba liza kudlala kwiVarsity Cup kulo nyaka.

IMadibaz, eye yatshatshela kwiVarsity Shield, inyuselwe kwiinyanga ezigqithileyo kwakucaca okokuba akukho qela enokulisusa. Isigqibo sokunyusela iMadibaz sasihambelana nokufika kwekhorona etshintshe zonke iinkqubo ebezisetyenziswa kwezemidlalo.

“Kufuneka siqinisekise okokuba iMadibaz yeyona ndawo ekhethwayo embhoxweni ngabadlali apha eMpuma Koloni. Sifuna ukuphuhlisa italente yabadlali ukuze bakhule emdlalweni wombhoxo ngokupheleleyo,” utshilo uTredoux, obuya kwelaseRussia – apho ebeqeqesha khona iMoscow Slava.

UTredoux, 42, ukhe waqeqesha amaqela afana neFree State Cheetahs neLeopards.

IMadibaz iza kukhuphisana nooxholovane kwitumente yombhoxo edlalwa ziiYunivesithi zaseMzantsi Afrika.

“Ndingumntu osoloko elangazelela ukuphuhlisa abadlali abasakhulayo ukuze bakwazi ukuba ngabadlali abagqibeleleyo. Ndizimisele ukusebenza ngokukhulu ukukhuthala ukuze iqela lifumane iziphumo ezincomekayo emidlalweni yalo ngamaxesha onke. Into endiyifunayo mna kukuncedisa abadlali abanezakhono ukuze bakwazi ukuthatha izigqibo ezibhetele emdlalweni ngamnye,” utshilo uTredoux, othe iMadimaz inembali entle kwicala lophuhliso lwabadlali.

Intloko yezemidlalo kwiMadibaz, uYoliswa Lumka, uthe iqela liyenzile into ebifuneka kwisizini egqithileyo, obekusele kukuqokelela iqela labaqeqeshi abaza kunceda iqela kwinqanaba eliphezulu.

“Sinyukele kwiVarsity Cup. Umqeqeshi esimfumeneyo unolwazi ngokhuphiswano lombhoxo wamaqela eeYunivesithi kwaye siqinisekile ukuba uza kulithatha iqela alibeke endaweni entle,” utshilo uLumka kwikhasi lomnatha.