‘Ndifuna iDowns ikhusele indebe yePSL’ – Wushe

Kwakhona kule veki I’solezwe libambe udliwano-ndlebe nomlandeli webhola ekhatywayo apha eMpuma Koloni. Sibenenyhweba enkulu yokuthetha nosihlalo weMamelodi Sundowns East London Branch osixelele ngondlela yakhe njengomlandeli webhola noweSundowns.

Mhleli “Wushe” Ngcobozi: Igama lam ndinguMhleli “Wushe” Ngcobozi, ndingumlandeli oyithanda kakhulu iMamelodi Sundowns. Ndihla apha eMonti.

PM: Udebene njani neSundowns Mhlekazi?

MN: Ndaqala kudala ndisafunda eHigh School. Into eyanditsalayo kwiSundowns yindlela eyayidlala ngayo ibhola ngethuba kusekho abadlali abafana nooRoger Futumba. Zange kubekho nomntu ondilukuhlayo, ndazithandela yona nje ngoba nasekhaya akukho namnye umntu owayelandela iDowns ngalo minyaka. Ndiyithanda kakhulu iSundowns.

PM: Kubaluleke ngantoni ukuba yinxalenye yesebe xa ungumlandeli weSundowns?

MN: Ezona zinto zibaluleke kakhulu nazi: Siyabelana ngezimvo ngemiba yebhola ekhatywayo, sibukela ibhola sonke, sihlalutye imidlalo siyabelana nangolwazi osilufumana kwandlunkulu weSundowns. Akuphelelanga apho kodwa ngoba sinazo neenkqubo esinazo esithi sincede abantu abangathathintweni kwiindawo zethu. Thina singabandeli beDowns safaka ekhwapheni iMasizakhe Children Home neNkazimulweni Home yaseDuncan Village.

MN: Njengokuba iSundowns iqhube kakuhle kwiPSL kwisizini edlulileyo, isaqhuba kakuhle kwiCaf Champions League – ingaba ulindele ntoni kule isizini?

MN: Kule isizini kufuneka iqela lam liqinisekise ukuba liyayikhusela indebe ye-Absa Premier Soccer League liphinde liqhube kakuhle kwiChamps League. Ukuba singayifumana iNedbank Cup neTelkom Knockout, leyo iyakuba yibhonasi kuthi.

PM: Ngubani oyena mdlali omthandayo?

MN: Oyena mdlali endimthandayo nguHlompho Kekana ngoba ngoyena mdlali obalulekileyo kwiSundowns. Ndikholwa kakhulu nguye ngoba uyakwazi ukuwufunda umdlalo.