‘Ngeke simphoxe umasipala wethu’

Abadlali beqela lomnyazi baseChizela abazumela uMbhashe Municipality kwimidlalo yeSalga ekupheleni konyaka umfanekiso: pedro mapelo

Emva kokugqugqisa ekuqaleni kwemidlalo yeMbhashe Mayors Cup, iqela lamantombazana adlala umnyazi kwaWadi 8, eChizela, lizakumela uMbhashe kwimidlalo yeSalga ekupheleni konyaka.

La mantombazana azuze impumelelo emva kokugqugqisa amaqela asuka kuGatyana, eXhorha naseDutywa iphela.

Umasipala wasungula itumente ekuqala ibhola ekhatywayo, umnyazi, umbhoxo namanqindi ngelizama ukuphuhlisa ulutsha lwezi dolophu zontathu, nokulukhathaza ukuze luyixabise imidlalo njengokuba idlala indima ebalulekileyo ekukhuliseni isizwe.

Amaqela aphumeleleyo ebedibene eDutywa Stadium kwimpelaveki edlulileyo – apho kuthe kwaphiswa ngezipho ngumasipala kumaqela aphumeleleyo ngokohlukana kwemidlalo.

Nangona ibhola yomnyazi ingekakhuli kakuhle eMpuma Koloni – kodwa yona kwiindawo ezifana noMbhashe inganalo ikamva – ngakumbi xa inokufumana inkxaso kurhulumente nakumaqumrhu azimeleyo.

Liqela laseDutywa eliphumeleleyo kwimidlalo yomnyazi – kodwa elo qela liphuma kwaWadi 8. Phambi kwemidlalo yokugqibela, iqela eliphumeleleyo linyanzeleke ukuba lidlule kwamanye amaqela – into ebinzima kakhulu ngenxa yokuxakeka kwabadlali ziimviwo zaphakathi enyakeni. Nangona kunjalo, abaqeqeshi bawe bevuka kuba befuna impumelelo ekugqibeleni.

Umqeqeshi weqela likaWadi 8, uNomathamsanqa Makhalima, uthethe neli phephandaba emva komdlalo.

“Ndiziva ndichulumancile kakhulu, indlela eya empumelelweni ayilulanga. Sisebenze nzima naba bantwana kuba bebebhala. Bekunzima nokufumana amaxesha okuzilolonga – kodwa siye sazama ngoba le nto bayayithanda. Sivuya kakhulu xa abantwana bengena kwezi zinto ngoba bayasinda ezintweni ezimbi. Kumnandi kakhulu, sijonge lukhulu kwaba bantwana. Sifuna ukubabona kumabonakude. Sizimisele ukusebenza, asingeke simphoxe umasipala wethu,” utshilo uMakhalima.