Okufunwa kuRitchie nguStuart Baxter

UStuart Baxter uncwase ukusebenzisa uKeagan Ritchie njengomnye wabadlali abazakuthi bancede iifolosi zakhe ezisebenzisa kakhulu intloko.

URitchie, otyikitye iminyaka emithathu kwiSuperSport, ngomnye wabadlali abatsha abamkelwe nguBaxter abasuka kwiKaizer Chiefs.

Lo mdlali uye kweli qela lasePitoli emva kokuba lithe lanika iChiefs umdlali walo wasekunxele uSibusiso Khumalo kwiveki ephelileyo. Amakhosi othuse mzi ngokuthi akhulule amashumi amabini onke abadlali ngelilungiselela isizini entsha ezayo.

Ayinguye yedwa uRitchie othathwe yiSuperSport United kwiqela laseNaturena, uReneilwe Letsholonyane noReyaad Pieterse ngabanye abadlali abayinxalenye yaMatsatsantsa.

NguBaxter otsalele aba badlali kweli qela ngoba uyabazi emva kokusebenza nabo iminyaka emithathu yonke ehleli eNaturena. Uthethe kamnandi kakuhlu uBaxter ngomdlali wakhe omtsha, uRitchie.

“Yinxalenye yesithethe sethu apha kwiSuperSport ukunika ithuba abadlali abafana noRitchie abakululamelayo ukufundiswa ukuze baphuhle. Ungumdlali onesiphiwo esingumangaliso yena nelo nyawo lakhe lasekunxele liqeqeshiweyo, sizimisele ukumsenezisa ngoba umhle kwicala lokuhlasela naphaya emva,” utshilo uBaxter.

UBaxter uneefolosi ezingoorhecizulu nezikwaziyo ukusebenzisa intloko, ubukho bukaRitchie bungalulutho kuzo ngoba ulichule kakhulu ekugobeni iibhola.

Waziwa ngokupheleleyo lo mdlali ngulo mqeqeshi uphumelele indebe yeNedbank Cup emva kokuba iSuperSport United ibethe i-Orlando Pirates ngo’3-2 ePeter Mokaba Stadium.

Eli qela likwiphulo lokubuyisela ubunganga balo kwisizini ezayo, kwaye lizimisele nokudlala kukhuphiswano lweCaf, iConfederation Cup.