Onwabile Amatsatsantsa a Pitori!

“Ndonelisekile, ndiyavuya!” Lawo ngamazwi athethwe ngumqeqeshi weSuperSport United, uStuart Baxter, ungqondongqondo oncede iSuperSport United yaphumelela iNedbank Cup.

UBaxter ubethe iintaka ezimbini ngelitye elinye. Amatsatsantsa aphumelele eyona ndebe ibalulekileyo ekugqibeleni aphinda afumana ithuba lokudlala kwiCaf Confederation Cup. ISuperSport United yoyise i-Orlando Pirates ngo’3-2 kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup ngoMgqibelo ePeter Mokaba Stadium.

Lo mdlalo ngoyena othe wanika umdla kwimbali yeNedbank Cup.

Umgangatho womdlalo ubuphezulu ngokungathethekiyo kwaye bekukho namagowuli aliqela. Liqela lika-Eric Tinkler elitsazise igazi kuqala ngebhola efakwe nguLuvuyo Memela. Kodwa uye waphendula kwangoko uJeremy Brockie, uMichael Boxall noBradley Grobler.

Amatsatsantsa adlale ngokuzimisela kwaye abubuyisa nobunganga bawo kwiPremier League.

Nangona isigaba sokuqala iyiPirates eqale kakuhle – kodwa ilwe kwakuko iSuperSport. Umsebenzi owenziwe ngabadlali uwuncomile kakhulu uBaxter futhi unebhongo ngumsebenzi abawenzileyo abadlali bakhe.

Kodwa uvumile ukuba isigaba sesibini khange sihambe ngendlela ebeyilindele – iBucs ibibuye ngamandla.

“Sidlale ngobuchule kwisigaba sokuqala. Besisazi ukuba iPirates iza kusisokolisa kakhulu emva kokuba siyiphe igowuli kuye kwanyanzeleka ukuba sinyamezele uxinizelelo.

“Ndonelisekile kodwa ngumsebenzi owenziwe ngabadlali,” utshilo uBaxter emva komdlalo.

Lo mfo waseMangesini uqhwabele izandla unozinti wakhe, uBoalefa Pule, ongene endaweni kaRonwen Williams oye wonzakala.

“Udlale kakuhle kakhulu uPule kwaye akukho mpazamo ayenzileyo. Siyiphumelele le ndebe ngenxa yeqela lonke – hayi abadlale namhlanje qha.”