Phumla ngoxolo Kaunda Ntunja!

Kaunda Ntunja

Nangona ilizwi likaKaunda Ntunja lingasoze liphinde livakale kodwa abantu baseMzantsi Afrika soze balilibale embhoxweni.

“Iqhashu, ugqampompo, ishampizi, izinto ezihlwahlwazayo,” lawo ngamanye amagama abewasebenzisa xa eqaqambisa umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bombhoxo ebaleni.

Isizwe sonke sithe khunubembe emva kokubhubha komsasazi wombhoxo weSuperSport TV obesasaza ngolwimi lwesiXhosa, olunye lweelwimi ezijongelwe phantsi eMzantsi Afrika.

“Ngokukhulu ukukhathazeka, sazisa ukubhubha kukaKaunda Ntunja namhlanje eMonti,” sitshilo isibhengezo esenziwe likhaya kwakusasa ngoMvulo wale veki.

UNtunja ebengumntu osaze ngobuso ezweni futhi esaziwa emva kokuba ngumntu wokuqala othathe usasazo lombhoxo ngesiXhosa walibeka ezingeni eliphezulu kakhulu.

Ebutsheni bakhe, uNtunja udlale njengeflenka kumaqela afana neBorder, iCheetahs, iLions neSharks, kodwa uya kuphinda akhunjulwe njengomdlali wokuqala owakhokela iqela lombhoxo lezikolo, owaphumelela nendebe ekuthiwa yiCurrie Cup ngo2005.

Ngelishwa ubomi bakhe njengomdlali wombhoxo banqanyulwa kukonzakala. Emva kweso sehlo, uNtunja wanikwa ithuba lokusasaza umbhoxo ngolwimi lwakhe yiSuperSport TV – into ayenze ngokuzimisela okukhulu.

Zange aphelele apho ngoba ebekhona nakumaphulo wophuhliso kwiindawo ezifana nooGcuwa nezinye. Abantu abaphuma kwiinkalo ngeenkalo eMzantsi Afrika bavakalise ukukhathazeka kwabo kukudlula emhlabeni kukaNtunja esemncinane.

“Kusikhathazile ukusweleka komntwana obethandwa embhoxweni. Ebenguvulindlela wokwenene owakhokela iqela lezikolo, waphumelela iCurrie Cup phambi kokuziqaqambisa kwezosasazo kwiSuperSport TV. Ushiye umzila embhoxweni. Uhambe esemtsha emhlabeni kodwa sakuhlala simkhumbula. Umdlalo wombhoxo uhlwempuzekile kukungabikho kukaKaunda Ntunja,” utshilo uMark Alexander, uMongameli weSA Rugby. Yona ingqonyela yeSuperSport, uGideon Khobane, imchaze uNtunja njengomntu obenobubele futhi obebakhathalele abantu.

“Singumzi wakwaSuperSport sonzakele. UNtunja ebengumntu onobubele, obewuthanda umbhoxo nabantu abawudlalayo. Sakuhlala simkhumbula,” utshilo uKhobane.

Naye uMphathiswa wezeMidlalo eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye – Bayeni, udlulise amazwi ovelwano kumzi wakwaNtunja.

“Uye waziqaqambisa esengumdlali wombhoxo. Akasoze alityalwe ngenxa yendlela ayisasaze ngayo imidlalo yeNdebe yeHlabathi (2019).

“Siyabulela kumzi wakwaNtunja ngokusiboleka yena kwaye sithi usapho malulale ngenxeba,” utshilo uNkomonye.