Ronwen Williams: Sizimisele ukulwela ukuya eQatar!

URonwen Williams, uHugo Broos noPercy Tau bethetha neentatheli ngamalungiselelo omdlalo ohlakulela ukuya kwindebe yehlabathi ongoLwesihlanu. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika (Bafana Bafana) lifumana elinye ithuba lokonwabisa abalandeli balo emva kokubaphoxa kutshanje. Ekuqaleni kwalo nyaka, uMzantsi Afrika ushiye abalandeli bebhola bethe khunubembe emva kokuphosa ithuba lokuya kwi-2022 Africa Cup of Nations eza kusingathwa yiCameroon. Kulindeleke izinto ezinomahluko ngoba uHugo Broos uza kube exhuzula imikhala okokuqala ukusukela oko wanikwa isikhundla kwiinyanga zokuqala zalo nyaka. Njengokuba eqale iphulo lokukwakha iqela lesizwe ngokutsha, uBroos uchonge abadlali ababini abaza kukhokela ukusukela emdlalweni wangomso.

Abo badlali nguRonwen Williams weSuperSport United onikwe isikhundla sobuKapteni kunye noPercy Tau we-Al Ahly oza kuba lisekela lakhe. Aba ngabona badlali abanamava kwabachongwe nguBroos. Umbuzo: Ingaba baza kuya na kwitumente yehlabathi? UKapteni omtsha uthembise ngelithi iqela liza kulwela ukuya eQatar. Oku kulindeleke ukuba kuqale xa uMzantsi Afrika udibana neZimbabwe emdlalweni ohlakulela iNdebe yeHlabathi ngorhatya ngomso. Iqela likaBroos elitsha lintingele eHarare izolo – apho liza kudibana neZimbabwe eyingozi – kodwa ekunokwenzela ingabinabo ubuhlungu ngenxa yokungabikho kwabadlali bayo abathile.

UMzantsi wagqibela ukudlala kwitumente yehlabathi ngo-2010. Wagqibela ukuziyela kwitumente yehlabathi ngo-2002. “Sizimisele ukulwela ukuya eQatar. Siza kulwa noxa sisazi ukuba ngeke kube lula. Iqela linethuba elide lingadlali. Kufuneka abadlali abanamava bakhuthaze abatsha ukuze bakwazi ukulwa ebaleni. Kufuneka balithi xhakamfu ngezandla zozibini ithuba abalinikiweyo. Baya kukwazi ukwenza njalo ngokuphumelela imidlalo,” utshilo uKapteni omtsha. Emva komdlalo ngomso, uMzantsi Afrika kufuneka ukhawuleze uphethuke ukuze ulungiselele ukudibana neGhana emdlalweni kaGroup G oza kube useFNB Stadium ngo-18:00 ngoMvulo.