Senong: Amajita ayilungele indebe yehlabathi

Ayifikanga igalelekile imini ekudala ilindiwe ngabadlali beqela lesizwe loMzantsi Afrika, Amajita.

Eli qela ligaleleke kwiveki ephelileyo kwilizwe laseKorea Republic elisingatha i’2017 FIFA Under-20 World Cup kulo nyaka. Emva kokuqhuba kakuhle kwiCosafa nakwi-2017 Afcon – ngoku Amajita ajongene novavanyo olunzima. Lithuba elihle labadlali eli lokuzibonakalisa kwinqanaba lehlabathi nokumela ilizwe kweyona tumente inkulu.

Umqeqeshi weli qela, uThabo Senong, akanalo tu uvalo kwaye uthi nangona kusekho iindawana asazama ukuzilungisa – kodwa amakhwenkwe wakhe ayilungele indebe yehlabathi.

Ukutsho oku emva kokuba Amajita ebethe iCosta Rica ngo’2-1 kumdlalo wokucweya ngoMvulo odlulileyo. “Siyalubulela uvavanyo esilufumene kwiCosta Rica. Sisazama indlela esizakuqubisana ngayo nemidlalo. Abadlali beza kakuhle kodwa. Sisondela kwisiqalo sendebe yehlabathi ngoku – kodwa sakube siwulungele umdlalo wethu wokuqala,” utshilo uSenong.

Amajita azakudlala neJapan kumdlalo wokuvula eSuwon World Cup Stadium ngo’17:00 ngeCawe.

Oonozinti: Sanele Tshabalala, Mondli Mpoto, Khulekani Kubheka

Emva: Malebogo Modise, Thendu Mukumela, Tercious Malepe, Shane Saealina, Sandile Mthethwa, Reeve Frosler.

Esiswini: Sipho Mbule, Wiseman Meyiwa, Sibongakonke Mbatha, Kobamelo Kodisang, Luther Singh, Grant Mergeman, Thabo Cele, Teboho Mokoena, Masilakhe Phohlongo

Iifolosi: Phakamani Mahlambi, Liam Jordan, Keletso Makgalwa.