Sifuna indebe yeMTN 8 kule sizini, utsho uManga

Kule veki I’solezwe lincokole nomlandeli weChippa United owadibanisa ndawonye abalandeli beli qela eBhayi. Usixelela ngohambo lwakhe nothando lwakhe lwebhola ekhatywayo nje ngokubanzi.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Nceda usixelele ukuba ngawe nokuba uhlalaphi?

Umlandeli: Ndiyabulela kakhulu. Igama lam ndinguMteleli Manga, ndihla kwaNU 6 apha eBhayi.

PM: Kuthiwa nguwe umntu owavula isebe labalandeli lokuqala leChippa United – wawususwe yintoni?

MM: Luthando nje lebhola. Ngo’2014 ndafumanisa ukuba iChippa United ayinalo iqonga labalandeli. Ndaya kwi-ofisi yayo elapha eBhayi – kodwa ndathunyelwa kwiSafa apho ndafumana umkhomba-ndlela khona. Yayingeyonto intsha kum leyo ngoba ndenza njalo kusekho uBay United.

PM: Kubaluleke ngantoni ukubanesebe ningabalandeli?

MM: Into ephambili kukuqokelelana singabalandeli. Sifuna ukuxhasa iChippa United ngoba abadlali baxhomekeke kwimkuthazo yezu kakhulu xa bedlala. Sifuna abantu bazidle ngeqela labo.

PM: Iyivale kakuhle isizini ephelileyo iChippa, nale yayivula kakuhle – niziva njani?

MM: Sonwabile kakhulu, khumbula ukuba iChippa United ibisoloko isokola kwiminyaka edlulileyo. Samcela uDan Malesela ukuba asingenise kwiTop 8, uyenzile lo nto. Sinebhongo ke ngalo nto ngoba iChippa yabetha amaqela amakhulu. Sizama ukuqokelela abantu ukuze kuxhaswe iChippa ngokupheleleyo.

PM: Ulindele ntoni kule sizini?

MM: Sifuna ukwenza imbali ngokuphumelela iMTN 8. Sishiyeke neMamelodi Sundowns qha ngoku – kodwa nayo ngeke isibethe kaninzi njengokuba sizakuphinda sidlale nayo.