UCheeseboy unikwe iminyaka emibini yi-Ajax Cape Town

Namhlanje uLebohang “Cheeseboy” Mokoena ufumene ikhaya elitsha kwi-Ajax Cape Town. Lo mdlali ebesoloko ekhangela iqela anokulidlalela emva kokukhululwa yiMamelodi Sundowns ekupheleni kwesizini [yePSL] ka’2015/16.

Emva kwethutyana lo mdlali siswini efumana uqeqesho kwinkampu ye-Ajax Cape Town phantsi kweliso elibukhali likaRoger De Sar – isigqibo side sathathwa ngaye namhlanje.

Kugqityiwe, uMokoena uzakunxiba isikipha see-Urban Warriors kule sizini ngebhongo.

“Emva kokuba sifumene uMark Mayambela, siyi-Ajax Cape Town sinovuyo ukwazisa uLebohang Mokoena ukuba ngumdlali wethu,” itshilo ingxelo ekhutshwe kwikhasi lomnatha namhlanje.

Lo mdlali utyikitye isivumelwano seminyaka emibini ne-Ajax. UMokoena, odlalelele i-Orlando Pirates neSundowns kwiminyaka edlulileyo, uzakufumana ithuba lokuvuselela ikhono lakhe lebhola ekhatywayo emva kokungadlali kakuhle kwiDowns kwisizini edlulileyo ngenxa yokhuphiswano olunzima kunye nokukhathazwa kakubi kukonzakala.

Umdlalo we-Ajax olandelayo iwudlala nePirates ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga eqala ngomso.