Sigqwesile isikolo saseBhayi kwiDanone Cup

Ziintshatsheli zeDanone Tournament isikolo sase-Isaac Booi emva kokugqugqisa kwimidlalo yanamhlanje eLaerskool Kuswag. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Isikolo saseBhayi esaziwa ngokuba yi-Isaac Booi Primary School siye sagqwesa kunezinye kulo nyaka kwitumente yebhola ekhatywa exhaswa nguDanone. Oku kwenzeke namhlanje ngethuba izikolo eziphume phambili kwizithili zazo besidibene eLaerskool Kuswag, eMonti – apho kuphumelele isikolo esizakumela iMpuma Koloni kwimidlalo kazwelonke eseGauteng ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo.

Kumdlalo wokuqala iBooi Primary idlale kakuhle kwade kwaphela umdlalo – kodwa ibethwe ngo’6-5 kumapenela yiMaqubela Junior Secondary School. Ibuyile kumdlalo wesibini icaphukile ebethe kuwo iDedelo Junior Secondary School ngo’3-0. Ekugqibeleni, ibeyiBooi Primary edlulele phambili kuGroup B emva kokuqokelela amanqaku amane. Kanti kuGroup A kuphumelele iGuqaza ebethe iNgubethole Junior Secondary School, iBhongweni PS neSterkspruit CS.Pedro Mapelo's photo.


Imidlalo yalo nyaka ibithande ukubanzima kakhulu, ukhuphiswano phakathi kwamaqela nabadlali abebefuna ukumela eli phondo zezinye zezinto ezithe zaqaqamba kule tumente. Minyaka le iDanone ibambisene neSasfa isingatha itumente yebhola ekhatywayo yabadlali abaselula ekubangulwa kuyo abadlali abanetalente nabo badlala ngokuzimisela. Njengokuba iBooi Primary School ikwazile ukuthatha indebe kulo nyaka, ngoku inoxanduva lokuzibonakalisa phakathi kwamanye amaphondo. Ukuba iqhuba kakuhle kwimidlalo yokugqibela kwinyanga ezayo, izakuya kwimidlalo yehlabathi eseNew York phambi kokuphela kwalo nyaka.

Pedro Mapelo's photo.