‘Sizimisele ukuya phambili kwiNedbank Cup’

Nangona izinto zingayihambeli kakuhle iChippa United kwimidlalo yePSL – kodwa yenze inkqubela ebonakalayo kwiNedbank Cup. IChippa yamkela iJomo Cosmos esokolisayo kwiNedbank eNelson Mandela Bay Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Eli qela leMpuma Koloni liyiphumelele yonke imidlalo yalo kolu khuphiswano kwaye lifake amagowuli. Kumdlalo weNedbank odlulileyo, iChippa United, ibethe iPolokwane City ngo’2-0, ngoku ijonge ukunqoloba iJomo ukuze iye kumdlalo wokuqala kwiNedbank okokuqala kwimbali yayo.

UMbuyiselo Sambu, isekela-mqeqeshi, uthi amalungiselelo omdlalo ahamba kakuhle nakubeni kukho ingxaki yokwenzakala kwabadlali. Kwiveki ephelileyo, uBuyani Sali uye wonzakala kumdlalo wePSL obuseMbombela Stadium.

“Siyazama ukuzilungiselela lo mdlalo nangona kukho iziphazamiso ezifana nokwenzakala kwabadlali. Siyathemba abadlali abanikwe ithuba bakulisebenzisa kakuhle. Lithuba labo lokuzibonakalisa ukuba ngokwenene bayayixhasa imbono yeqela. Akukho magowuli afakiweyo kuthi kwiNedbank, siyathemba ukuba lo nto iyakulikhuthaza iqela kulo mdlalo uzayo. Sinalo ithuba lokuya phambili kolu khuphiswano,” utshilo uSambu.

Lithuba leChippa lokuqala elicacileyo eli lokuphumelela indebe ukuba iyayibetha iCosmos kulo mdlalo.

“Sifuna ukuqinisekisa ukuba siyawuphumelela umdlalo – kodwa abadlali bayazi ukuba akunakwenzeka oko ukuba abafaki magowuli. Likhona ithuba lokudlala kumagqibela kankqoyi weNedbank, sizimisele ukuya kumdlalo wokugqibela,” utshilo uSambu.

Amakhosi amkela iSuperSport United ngo’18:00 eFNB Stadium, iGolden Arrows idlala nePlatinum Stars ngo’15:00 ePrincess Magogo – kanti yona i-Orlando Pirates idlala neBloemfotein Celtic ngo’20:00 e-Orlando Stadium.