UBaxter angadlula kwiPirates kweli tyeli?

Umdali weSupersport United uReneilwe Letsholonyane umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Umdlalo ozakutsala umdla wabantu kule mpelaveki uphakathi kweSuperSport United ne-Orlando Pirates.

La maqela mabini azakudibana kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi weTelkom Knockout, eMbombela Stadium, ngo’18: 00 ngoMgqibelo.

Ezimnyama ngenkani (Orlando Pirates) ziya kulo mdlalo zisaxhelekile ezintliziyweni emva kokuhlazwa yiSuperSport United ngo’6-1 kutshanje.

Anokusebenzisa lo mdlalo ke kambe ukuze abuyise izitya AmaBhakaniya. Ukubethwa kwePirates kwakhokelela ekunikezeleni kukaMuhsin Ertugral, kwangena * -Agusto Palacios endaweni yakhe.

Nguye ke ngoku, uPalacios, oxhuzula imikhala kwaye izinto ziyihambela kakuhle iPirates. Uphumelele imidlalo yePSL emithathu kanti nakwiTelkom ulwela impumelelo ukuze iBucs ikwazi ukubuyisa isidima sayo.

Akululanga ukubetha iPirates amatyeli amabini elandelelana – kodwa nantoni ingenzeka ngoba uStuart Baxter ngungqondongqondo okwaziyo ukuyiphumelela imidlalo emikhulu ngolu hlobo.

Nangona iPirates ifuna indebe shushu, naye uBaxter ukhangela indebe yesibini njengomqeqeshi weSuperSport. Eyokuqala wayifumana ngokubetha iPirates le – nto leyo eyenza kubekho ugxeleshwano phakathi kwala maqela.

UReneilwe Letsholonyane ngomnye wabadlali ekuthenjelwe kuye ngaMatsatsantsa a Pitori esiswini – kanti phaya phambili inabadlali abanesantya ekunzima ukubakhonkxa abafana noThuso Phala, uBradley Grobler noJeremy Brockie. Kodwa naye uPalacios uzakuxhathisa ngoo-Oupa Manyisa, uMpho Makola noTendai Ndoro.

UNdoro ngoyena mdlali ongayikhulula iPirates kulo mdlalo ngoba uneliso elibukhali lamagowuli.

Kanti yona iCape Town City yamkela iFree State Stars kwangosuku olunye e-Athlone Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga. Iqela lika-Eric Tinkler, iCity, liyingozi kwezi ntsuku futhi umgangatho wayo uyakhula – kodwa nayo iFree State liqela elidlala kakuhle phantsi kukaGiovanni Solinas.

Iyakuba yinto enkulu kwaba baqeqeshi ukudlala umdlalo wokugqibelo weTelkom kuba beqeqesha amaqela angajongwangwa kakhulu ngabantu abaninzi kwibhola yaseMzantsi Afrika.

pedro.mapelo@inl.co.za