UBaxter ufuna impumelelo kwiqela lakhe

Lebogang Manyama

Iqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana, lizakudlala eminye yaloo midlalo enzima nekufuneka lilwe kubemdak’ iisali kuwo. Amakhwenkwe kaStuart Baxter antingele eCape Verde – apho azakudlala khona umdlalo wokuhlakulela indebe yehlabathi ngokuhlwa ngoLwesihlanu.

UMzantsi Afrika uthe ngcu kwindawo yesibini kuGroup D. Nakubeni kukho ukuzithemba kwiqela likaBaxter emva kokubetha iNigeria ngo’2-0 kutshanje – kodwa liya kukho ixhala ngokuba iCape Verde iyawagebenga amazwe amakhulu kwibhola ekhatywayo.

Indlela eya kulo mdlalo inzima ngenxa yokonzakala kwabadlali abaphambili. Indawo kaRivaldo Coetzee, ophoswe kukuya eScotland ngenxa yokwenzakala, ithathwe nguClayton Daniels. Kwelinye icala kusekho ukungaqiniseki ngobukho bukaThulani Serero okuvakala ukuba wonzakele kwiSBV Vitesse.

Ezipalini kulindeleke kungene uRonwen Williams emva kokurhoxa kuka-Itumeleng Khune ngenxa yempilo engentlanga. Kunyanzelekile iBafana Bafana iphumelele kulo mdlalo ukuze indlela yayo eya eRussia ngo’2018 icace kakuhle. Kwangaxeshanye ukudlala kweBafana kwindebe yehlabathi yeyona nto ibalulekileyo nawaqeshelwa yona uStuart Baxter.

“Ukuba uSerero kufuneka anikwe ithuba lokuphumla, uzakuphoswa ngulo mdlalo – kodwa angadlala kulo uzakube useThekwini. Ndithathe uDaniels endaweni kaRivaldo ngoba ndifuna umntu onamava. Siya eCape Verde, akuzuqheliswa phaya – sifuna iziphumo. Kubalulekile kuthi ukufumana iziphumo ezihle kule midlalo yomibini – yeyona nto ibalulekileyo kuthi,” utshilo uBaxter.

“Ndingatsho okokuba umdlalo uzakuba nzima – kodwa ndiyakholelwa ukuba sizimisele, sizakuphumelela. Liqela eliyingozi ngoba lidlala ngaphandle koxinizelelo,” utshilo uBaxter.

Umdlali wasephikweni kwiKaizer Chiefs, uRamahlwe Mphahlele, uthi bazimisele bengabadlali ukuqinisekisa okokuba iqela lesizwe lifumana indawo eRussia ngo’2018. “Kufuneka siqinise indawo yethu kule midlalo mibini.

Kudala noko uMzantsi Afrika uphoswa kukudlala kwiFIFA World Cup – eli lithuba elihle,” utshilo uMphahlele.