UBaxter ungantywiliselwa nguHunt emdlalweni weDStv Premiership ngempelaveki?

Xa kudibana iKaizer Chiefs neChippa United emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu kunyanzelekile kubekho eliphumelelayo. Abaqeqeshi bamaqela omabini, uStuart Baxter noGavin Hunt, baphantsi koxinizelelo ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo emidlalweni yokuqala yesizini. Amakhosi angene nzima kwiTop 8 kwisizini egqithileyo ngenxa yokungakwazi ukuphumelela imidlalo phantsi kukaHunt. Phambi kokuqala kwesizini, iChiefs ifumene abadlali abatsha ebekucingwa ukuba baza kuyifunqula ukuze idlale ngendlela eyahlukileyo kunesizini egqithileyo. Kusenzima kakhulu kwaye lo imfake engxakini uBaxter ngoba abalandeli abasayiboni eyona nto ayenzayo.

Nangani iChiefs isatsala nzima – kodwa yena umqeqeshi usenalo ithemba. “Ndiyathemba abalandeli baza kusixhasa bayiqonde nendlela esiyihambayo. Xa benokulixhasa iqela, lingakwazi ukunyusa umxakatho,” utshilo uBaxter ethetha kutshanje. Amakhosi aphumelele umdlalo omnye, adlala ntanganye kwemithathu aze abethwa kwemibini. Noxa ingekaswabuluki nje nayo iChippa United, okuhle ngoHunt kukuba unikwe inkxaso epheleleyo nguMnu. Chippa Mpengesi odume ngokugxotha abaqeqeshi rho emidlalweni yokuqala yesizini. Kulo nyaka wogqithwe yiTS Galaxy, iMarumo Gallants noSwallows FC esezenze iinguqu kubaqeqeshi kule sizini.

“Ndiyavuma iqela aliqhubi ngendlela eyamkelekileyo – kodwa sinethemba leziphumo ezihle emva kokubona umsebenzi owenziwe ngabaqeqeshi ukusukela oko kuqale isizini. Ndisazibophelele ekumxhaseni umqeqeshi njengokuba ndanditshilo phambi kokuqala kwesizini. Sinqwenela ukubona iqela liphumelela emizameni yalo. Sicela wonke umntu abenomende ngoba thina baphathi siwubonile umsebenzi owenziwa ngabaqeqeshi nabadlali ukusukela ekuqaleni kwesizini,” utshilo uMpengesi kule veki. Kunyanzelekile iChippa iphumelele ukuze ikwazi ukusuka kwindawo embi ekuyo ngoku. Amakhosi aza kuzama ukuphepha ukubethwa nguHunt obewaqeqesha kwisizini egqithileyo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: Sekhukhune vs Cape Town City @Ellis Park Stadium, 15:30; SuperSport United vs Baroka @Lucas Moripe Stadium, 17:00; Kaizer Chiefs vs Chippa United @FNB Stadium, 17:30

Cawe: Swallows vs Stellenbosch @Dobsonville Stadium, 15:30