UBilliat usonwabile kwiChiefs!

UKhama Billiat weKaizer Chiefs esukelwa nguPaseka Mako we-Orlando Pirates emdlalweni wePSL kunyaka ophelileyo eFNB Stadium. umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Abalandeli beKaizer Chiefs bangazithoba izibilini emva kokuba uMike Ngobeni, umphathi kaKhama Billiat, ezikhabe ngawo omane iingxelo ezithi umdlali wakhe ufuna ukuhamba eNaturena ekupheleni kwesizini.

Ekuqaleni kwalo nyaka, bekukhe kwavakala amahum-hum athi uBilliat akonywabanga kwiChiefs kwaye angabuyela kwiMamelodi Sundowns kwisizini ezayo.

Nangona engumdlali obalulekileyo eNaturena – kodwa uBilliat ukhathazwe kakhulu kukonzakala. Lo nto yabangela ifuthe lakhe lehle futhi angadlali kakhulu kwiChiefs. Ukungasetyenziswa kwakhe ngu-Ernst Middendorp kubangele kumane kuvele iintetha ezithi akonwabanga.

UNgobeni, indoda engumanejala kaBilliat, uxelele amajelo eendaba kutshanje okokuba akakhumbuli nangosuku olunye umdlali wakhe esithi akonwabanga kwiChiefs.

Le yisizini yesibini uBilliat, 29, ekwiChiefs kwaye Amakhosi asazingela indebe yokuqala ako kwahamba uStuart Baxter eminyakeni emihlanu egqithileyo.

“Ukuba kukho iqela elifuna uKhama, malincede lidibane neKaizer Chiefs. Zange ayikhalazele iChiefs nangosuku olunye kum. Ziingxelo nje ezingachanekanga ezo. Ukuba kukho umntu omfunayo, angathetha nam – kodwa ndiza kumthumela kwiChiefs. Ndiyayazi kodwa into ebangela lo nto. UKhama ngumdlali omkhulu. Andikhumbuli esithi kum: Aandonwabanga, nceda undifunele elinye iqela,” utshilo uNgobeni waseZimbabwe.

Ibhola ekhatywayo ineenyanga ezimbini zonke ingasadlalwa eMzantsi Afrika ngenxa yekhorona eyosulele abantu abangaphaya kwamashumi amane amawaka abantu eMzantsi Afrika. Njengokuba imidlalo yahlehliswa iChiefs isathe ngcu phezulu kwiPSL, kulindeleke uKhama Billiat abe ngomnye wabadlali abaza kuthi bancede iChiefs efuna eyona ndebe iphambili eMzantsi Afrika.

“UKhama uza kudlala ngozimisela kwiChiefs nanini na xa enikwe ithuba lokudlala. Zange anyanzelwe kwiChiefs futhi wonwabile kwindawo akuyo,” utshilo uNgobeni.