UBroos akonelisekanga kukunqongophala kwamagowuli

Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika uHugo Broos. UMFANEKISO: ©Ladjal Djaffar/BackpagePix

Ingxaki yokufaka amagowuli yeBafana Bafana iphinde yagqama emva kokuba iAndorra isokolise uMzantsi Afrika kumdlalo weFIFA Series ophele ngo’1-1 eAlgeria ngoLwesine ebusuku.

Ibingumdlalo aBafana Bafan ebewulawula, bekufanele ukuba baphumelele ngamagowuli angaphaya kwamathathu.

Emva komdlalo wangoLwesine, umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthe ukusilela kwabadlali boMzantsi Afrika ukubeka ibhola emva komnatha kuphinde kwagqama.

“Ndicinga ukuba uMzantsi Afrika ubonisile kwakhona ingxaki yebhola yoMzantsi Afrika, asinaye laa mdlali ufaka amagowuli – umntu ofumana ithuba elinye afake igowuli,” utshilo uBroos.

“Besinamathuba amathandathu okanye asixhenxe namhlanje kodwa sifumene igowuli elinye kuphela. Ukudlala neqela elikwinqanaba eliphantsi kufuneka usoloko uphumelela ukuba unomgangatho ongaphezulu phambi kweepali,” utshilo uBroos.

Lo mqeqeshi uthe eyona nto angonelisekanga yiyo kukunqongophala kwamagowuli.

Kumdlalo wangoLwesine, uBroos uhlanganise iqela eliquka abadlali abane abatsha abakwazileyo ukuziqaqambisa kumdlalo kodwa abakwazanga ukusebenzisa amathuba amaninzi okufaka amagowuli.

Abadlali abatsha abafumene ithuba lokuzibonakalisa nguElias Mokwana ofake igowuli, uThapelo Xoki, uMlondi Mbanjwa noPatrick Maswanganyi.

“Ndoneliseke kakhulu ngabadlali. Badlale kakuhle kakhulu namhlanje. Bekukho abadlali abambalwa endoneliseke kakhulu ngendlela abadlale ngayo,” utshilo uBroos kumajelo eendaba eSafa.

“Ndanelisekile, kodwa hayi ngeziphumo. Ndizamile ukuphumelela namhlanje, kodwa ndonelisekile yindlela elidlale ngayo iqela. Liqela elitsha,” utshilo uBroos.

“Ndicinga ukuba ngabafana esinokuthembela kubo kwimidlalo elandelayo, ngenyanga yeSilimela nasekupheleni konyaka.”

ABafana Bafana ngoku bazakudlala neAlgeria ngoLwesibini weveki ezayo. Kulindeleke ukuba uBroos abuyele kwiskim sakhe esiqinileyo kumdlalo neqela elisuka kuMntla Afrika elaziwa ngokudlala kakuhle.