Amakhwenkwe amabini afunyenwe ebhubhile eGebane

UKonke Nobhokisi (5) noInikile Mbuyazwe (6) bafunyenwe bebhubhile ngomhla wamaLungelo oLuntu eGebane, eLibode emva kokuba bevaleleke ngaphakathi kwitranki eyenziwe ngentsimbi.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa eMpuma Koloni, uColonel Priscilla Naidu, ithi, ngentsimbi yesibini emva kwemini, la makhwenkwana, uKonke noInikile bebeshiyeke nodade kaKonke onamashumi amabini (20) eminyaka ubudala. Wabuya umama kaKonke ngentsimbi yesine emva kwemini wathi akungawaboni la makhwenkwe, wabuzisa ngabo.

“Kwakhangelwa aba bantwana yaye malunga nentsimbi yesihlanu emva kwemini, bafunyanwa bebhubhile kwitranki yentsimbi. Ngelixa iimeko zisaphantsi kophando, kurhanelwa ukuba yavaleka itranki emva kokuba bengene ngaphakathi. La makhwenkwe ibingabamelwane,” utshilo uNaidu.

Kwavulwa idokethi yophando.

UMkomishinala wesithili saseOR Tambo uMajor General Phumzile Cetyana ubongoza bonke abazali nabagcini babantwana ukuba bahlale bebajongile abantwana.

“Kukwindalo yabo ukuphonononga nokudlala, kodwa luxanduva lwethu njengabantu abadala ukuqinisekisa ukhuseleko lwabo ngamaxesha onke.

“Siyababongoza abazali nabagcini babantwana ukuba bahlole iindlela zokhuseleko emakhayeni abo, kuquka nokukhusela iindawo ezinokuba yingozi nokubabeka iliso ebantwaneni, ngakumbi ngamaxesha okudlala,” ucebise watsho uMajor General Cetyana.