Ziyakhula iziganeko zokuxhwilwa kwabantu

Iingxelo zamajelo eendaba namaqela ajongene nokhuseleko kwihlabathi nakweli loMzantsi Afrika bayangqinelana ukuba ziyakhula iziganeko zokuxhwilwa kwabantu.

Abantu abadala nabantwana kweli baxhwilwa amaxesha amaninzi xa bephuma emakhayeni abo, okanye xa bebuya esikolweni okanye xa bebuya emsebenzini.

Izizathu zokuxhwilwa kwabantu ziquka ukuthengiswa kwabo bephila, ukuthengiswa kwamalungu emizimba yabo, okanye baxhwilwa ukuze kufunwe imali kwiintsapho zabo.

Amapolisa amabini eRhawutini aseluvalelweni ngenxa yokuba etyholwa ngokuxhwila usomashishini wela phondo. Abantu abaqhuba amashishini amancinci namakhulu ngamaxhoba okuxhwilwa okanye kuxhwilwa iintsapho zabo ukuze kufunwe imali.

Usapho lwaseLimpopo lixhwilwe ngethuba liphuma ekhayeni ukuya kwishishini lalo, baze abaxhwili abo bafuna imali yentlawulo ukuze babakhulule.

Ukuchaphazeleka kwamapolisa kwiziganeko zokuxhwilwa kwabantu kwenza ukuba kubenzima ukulwa ingxaki yokuxhwilwa kwabantu.

Abantwana nabo ngamaxhoba aphambili okuxhwilwa kweli, bebulawa okanye bedlwengulwa ukuze babulawe kamva.

Igqwetha uKarabo Mokgonyana usebenza ngokwenza uphando olubanzi ngokuxhwilwa kwabantu kweli loMzantsi Afrika.

“Le yingxaki engxamele ukuxaka kweli nakwihlabathi, liyakhula mihla inani labantu abadala abaxhwilwa balahleke okanye bafunyanwe bebhubhile,” kutsho uMokgonyana.

UJoslin Smith waseKapa ngumzekelo wabantwana beli abaqhubeka belahleka bengafumaneki, kungekho nomkhondo wabo.

“Kukho amazwe aziwayo kwihlabathi ukuba ahamba phambili ngokuthengiswa kwabantwana nabantu abadala, aba bantu bathengiswa ukuze benziwe amakhoboka esondo, amalungu abo omzimba ayathengiswa okanye bavalelwe kwiindawo ezikude besenziwa zonke izinto ezingcolileyo,” kucacisa uMokgonyana.

Uthi amazwe afana neMelika,Thailand, Ireland kwakunye namazwe oMbindi Mpuma ahamba phambili ngokuxhwilwa kwabantu.

“Eli loMzantsi Afrika lelinye lamazwe ekuthi kungene kulo abantu abaxhwilwe kwamanye amazwe, ngoko ke kumele ukuba kuvalwe amazibuko kungenzeki oku,” kutsho uMokgonyana.

Uhambisa athi ukusebenzisana koMzantsi Afrika namanye amazwe kubalulekile ukuze kuliwe ingxaki yokuxhwilwa kwabantu.

Uluntu nabazali kumele ukuba luqalise ukuseka amaqela asekuhlaleni azakufundisa uluntu nabantwana ngeendlela zokuzikhusela kwezi ziganeko.

“Ekuseni xa kuphuma abantwana besiya ezikolweni abazali kumele ukuba baphume ezindlini, bathathe iinombolo mibhalo zeemoto eziphithizela zilayisha abantwana, nasezikolweni xa abantwana belayishwa bebuyiselwa emakhaya,” kutsho uMokgonyana.

Abahlali mabancedisane ukugada abantwana ngokusebenzisa iminxeba ephathwayo nezinye izixhobo kuliwe le ngxaki, kutsho uMokgonyana.