Bakhuselekile abantu beli eRashiya

Amagosa omthetho ngaphandle kwendawo yolonwabo iCrocus City Hall ebisitsha ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. UMFANEKISO: Yulia Morozova/Reuters

Emva kwesiganeko sokudutyulwa kubulawe abantu abalikhulu namashumi amane anesithathu kwiholo yolonwabo kwikomkhulu laseRashiya iMoscow, kuqinisekiswe ukuba bakhuselekile abantu beli kwela lizwe.

Othetha egameni lesebe lemicimbi yezangaphandlwe kweli, uClayson Monyela, uxelele amajelo eendaba kwangoko ukuba akukho bantu beli bachaphazeleke kule ntlekele.

“Singakuqinisekisa ukuba abekho abantu boMzantsi Afrika abachaphazeleke kule ntlekele, sithethe nomzi wozakuzo weli eRashiya wasiqinisekisa ukuba bakhuselekile,” kutsho uMonyela.

Ukungazinzi kwemeko eRashiya kubonakele ngokucacileyo ngethuba kuvotwa kwiveki ephelileyo nalapho bekukho abahlali ebebezama ukutshisa iibhokisi zokuvota.

“Sinabafundi nabantu bezoshishino belizwe loMzantsi Afrika abakwela lizwe laseRashiya, ingakumbi eMoscow kodwa asinaxhala ngenxa yokuba bonke basakhuselekile,” kutsho uMonyela.

Ingxelo ithi kukho nabantwana phakathi kwabantu abadutyulwe babulawa eRashiya kule ntlekele.

Bekulindeleke ukuba amaqela omculo abelane ngeqonga ngethuba kumbonzeleka amadoda ebexhobile adubula amaxhoba.

Kulindeleke ukuba uMongameli wela lizwe uVladimir Putin enze amazwi ethetha nabantu belizwe laseRashiya.

Oku kwenzeka nje emva kokuba uPutin ethe waphumelela ulonyulo lukazwelonke ngamashumi asibhozo anesithathu eepesenti ekhulwini. Amaqela angahambisaniyo nolawulo lukaPutin awalelanga ezama ukuzibonakalisa ukuchasa kwawo lo Rhulumente mtsha.

“Sizakuhlala sibeke iindlebe ukuqinisekisa ukuba kwenzeka ntoni eRashiya ukuze sithathe amanyathelo malunga nabemi belizwe loMzantsi Afrika abakwela lizwe,” kutsho uMonyela.

Ilizwe laseRashiya lijijisana kwimfazwe nelizwe laseUkraine ukusukela kunyaka ophelileyo. “Egameni likaRhulumente woMzantsi Afrika sinqwenela ukwenza amazwi ovelwano kuRhulumente nabantu belizwe laseRashiya ngenxa yale ntlekele,” kutsho uMonyela.