UChristian Saile uweze Amakhosi aphumelele idabi laseSoweto!

Zithe xibilili izibilini kubalandeli baMakhosi emva kokuba iqela labo liphumelele idabi laseSoweto. Amakhosi abethe iMoroka Swallows ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. IKaizer Chiefs iye emdlalweni wanamhlanje iphantsi koxinizelelo njengesiqhelo kule sizini ngoba ibibethwe yiPirates emdlalweni wobukhaya kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.

UCavin Johnson uqale umdlalo ngaphandle kwabadlali beChiefs abaphambili ngenxa yokonzakala ngokutsho kweqela noxa kukho iingxelo ezithi kukho abanqunyanyisiweyo ngenxa yezityholo ezithi babhaqwe benxilile. Umdlalo ubunzima macala omabini ngoba abadlali badlale phantsi kwengqantsini yelanga eDobsonville Stadium namhlanje. Nakubeni kunjalo, amaqela asukelene emdlalweni.

Nangani iChiefs eqale ngokuhlasela emdlalweni – kodwa iinzame zayo khange zimfake engxakini uDaniel Akpeyi obedibene neqela ebekhe walidlalela ngaphambili. Emva koko, kuphantse kwalalwa kungatyiwanga kwiqela laseNaturena ngethuba uGabadinho Mhango ekhaba ibhola esendaweni embi ethe yathintelwa nguBruce Bvuma phambi kokuchithwa kwayo nguMsimango emva.

Azamile ukudibanisa iibhola Amakhosi esiya phambili – kodwa okuye kwakubi kukungakwazi ukusebenzisa amathuba kwisigaba sokuqala. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini. Idlale ibhola ebhetele iChiefs kwisigaba sesibini ityala ngoPule Mmodi, uNkosingiphile Ngcobo noYusuf Maart esiswini.

Ekuhambeni kwexesha, uJohnson ufake abadlali abafana noCastilo, uNgcobo odlala emva, uGonzalez noMashaine. Kubekho ukuguquka kwezinto kwade kwavela igowuli kushiyeke imizuzu engaphantsi kweshumi kuphele umdlalo. NguChristian Saile oweze Amakhosi atsho afumana impumelelo ebalulekileyo emdlalweni obunzima.

Anyukele kwindawo yesixhenxe Amakhosi, yona iSwallows ihleli kwindawo yesihlanu. Komnye umdlalo obunamhlanje, iTS Galaxy ivuthulule iPolokwane City ngemvula yamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuseMpumalanga. USteve Komphela ukhale ngamathuba ayekwe ngabadlali bakhe emva komdlalo. Yena uJohnson uwamkele ngovuyo amanqaku amathathu azuzwe liqela lakhe.