UComitis uthenge iBlack Aces

Kungekudala idolophu yaseKapa izakuba namaqela amabini adlala kwi-Absa Premier Soccer League.

Oku kuze emva kokuba uJohn Comitis ethenge iMpumalanga Black Aces. Amahum-hum oyamanisa lo kaComitis nokuthengwa kweBlack Aces avakele phakathi kule nyanga iphelayo.

Kodwa kuthe kanti ezongxelo bezinalo isuntswana ngoba uyithengile ngokwenene. Izolo uxelele inkampani yeendaba, i-Independent, ukuba uyithengile i-Aces. “Ewe, ndilithengile iqela laseMpumalanga (Black Aces). Akukabikho sigqibo sithathiweyo ngezinto ezizakwenzeka. Kusekuninzi ekufuneka ndikwenze – kodwa oko ndakuthi ndikwenze ndakubuya eNew York. Imvume yokuthenga iBlack Aces igunyazisiwe yiPSL,”

Nakunyaka ophelileyo kwakhukho iingxelo ezithi iBlack Aces iyathengiswa kodwa akwenzeka nto.

AmaZayoni adlale kakuhle kakhulu kwisizini ephelileyo phantsi kukaMuhsin Ertugral. Eli qela laseMpumalanga lifince isizini kwindawo yesine – eyona ndawo iphezulu kwimbali yalo. Esinye sezizathu ezibangele uMario Morfou noGeorge Morfou bayithengise iBlack Aces zizinto ezayamene nemali. Amaqela adlala kwiPSL atyabula kakhulu epokothweni xa ungenabo abaxhasi bezimali.

Eli qela litsha alikwazi ukufudukela eKapa okwangoku ngoba umthetho wePSL uthi iqela elithengiweyo kufuneka lihlale isizini ibenye emva kokuthengwa kwalo. Lo nto ithethe ukuthi iBlack Aces ingaya eKapa kwisizini ka’2017/18. UComitis wayishiya i-Ajax emva kokungavisisani nabalawuli bayo abakhoyo ngoku – kodwa ngenxa yothando lwakhe lwebhola – ubuyile. Kwincoko ayenze kutshanje uthe:

“Mahlanu amaqela adlala kwiNFD, linye elidlala kwiPSL apha eKapa. Ukuze iMother City ikhule ebholeni ekhatywayo kufuneka kubekho iqela lesibini kwiPSL eliphuma apha eKapa.”