UDali Mpofu uchongwe yiCricket SA ukuba amele uRabada

Cummins bowls at Kagiso Rabada of the Proteas during day two of the second 2018 Sunfoil Test match between South Africa and Australia at St George's Park, Port Elizabeth on 10 March 2018 © Deryck Foster/BackpagePix

 

Incutshe kwezomthetho, uDaluxolo “Dali” Mpufu, iza kumela
umdlali weqakamba osengxakini emva kokuchongwa yiCricket South Africa. Umbutho olawula
iqakamba eMzantsi Afrika uthathe isigqibo sokubhena emva kokuba uRabada ethiwe
nka ngesigwebo semidlalo emibini engadlali nomdliwo oyimali. Ukugwetywa kwalo
mdlali uphambili kwiqakamba yehlabathi kulandela isityholo esabekwa kuye
yi-International Cricket Council (ICC) esithi wagila ngabom ngegxalaba umdlali welizwe
lase-Australia (Steve Smith) kumdlalo wovavanyo obuseBhayi kutshanje.

 

Izolo iCricket South Africa ithe iza kubhena ukuze
isigwebo esinikwe uKagiso Rabada siqwalaselwe ngokutsha. Konke oku kwenzeka
kanye ngomhla uRabada abuyele ngawo kwindawo yokuqala kwihlabathi lonke
njengomdlali ogibisela ibhola yeqakamba. Ukuba isicelo sesibheno siyaphanza
naso, lo nto iyakuthetha ukuba uKagiso uza kuphoswa yimidlalo yokugqibela
yovavanyo ephakathi koMzantsi Afrika ne-Australia ezakube iseNewlands ngomhla
wamashumi amabini anesibini naseWanderers ngomhla wamashumi amathathu kule
nyanga.

 

“Njengokuba lo mba sele uchotshelwe ngabomthetho, thina
namagqwetha wethu sobe sikwazi ukunika iinkcukacha ezingaphaya kwezi
sizikhuphileyo ngoku. Sichonge umqondisi uDali Mpofu ukuba ajongane neli tyala.
Sikhethe yena ngoba unamava futhi ungomnye wamagqwetha ayinxalenye yeJudicial
Service Commision,” utshilo uThabang Moroe, oyingqonyela ebambeleyo yeCricket South Africa.