UCharles Baloyi usenethemba lokubona umsobomvu kwiDikwena

Charles Baloyi of Platinum Stars challenged by Mogakolodi Ngele of Supersport United during the Absa Premiership 2017/18 match between Platinum Stars and Supersport United at Royal Bafokeng Stadium, Rustenburg on 20 February 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iphondo laseMntla Ntshona lingaphulukana neqela lalo lebhola
ekhatywayo ekuphela kwalo elidlala kwinqanaba eliphuzulu kwibhola yaseMzantsi
Afrika. Zininzi izinto ezenzeke kwiPlatinum Stars kule sizini ezifana
nokuthengiswa kwayo ezibangele kunjabikho uzinzo – kodwa eyona ekunzima kakhulu
ukuqubisana nayo ngoku yile yokuba ingathotyiselwa ekupheleni kwale sizini.
IDikwena isokole zisuka nje ekuqaleni kwale sizini yePSL ka-2017/18, lo nto yathi
yanyanzela abaphathi bayo bangaphambili ukuba babize uRoger De Sa [onamava emva
kokuba eqeqeshe amaqela afana ne-Orlando Pirates, iBidvest Wits, i-Ajax Cape
Town neMaritzburg United] ngelizama ukubuyisela uzinzo nokufumana inkqubela
phambili. Ekuqaleni kwalo nyaka, baliqela abadlali abafikileyo kwiPlatinum
Stars – injongo yokwenza loo migudu ibukukuzama ukususa eli qela lizinze eRustenburg
kwindawo embi elihleli kuyo kwiPSL. Kunzima – kodwa umdlali onekamva
eliqaqambileyo, uCharles Baloyi, unethemba lokuba uyakuthi gqi umsobomvu
oyakuthi ususe ubumnyama kwiDikwena.

UBaloyi, 21, unethemba lokuba yena noogxa bakhe bayakuthi
bakwazi ukuyisindisa iPlatinum Stars ezembeni phambi kokuvalwa kwesizini noxa besatsala
nzima nje. Lo mdlali oselula ngokweminyaka – kodwa onomdlalo omhle kakhulu,
unethemba lokuba iStars – emnike ithuba lokudlala kwinqanaba eliphezulu –
iyakuhlala kwiPSL. Nangona enexhala lento enokwenzeka ekupheleni kwesizini, uBaloyi
uyalibulela kakhulu ithuba lokudlala ibhola alinikwe yiPlatinum Stars awafika
kuyo eneminyaka elishumi elinesithathu nje kuphela. “Ndiyalibulela ithuba
lokudlala endilifumanayo nelokuphumeza uphupha lam. Ndingekalifumani ithuba
lokudlala, kwakuba kubi kum noxa ndandisebenza ngokuzimisela enkampini. Yonke
imihla ndandiqinisekisa ukuba ndiyazinikela. Ngoku ndide ndalifumana ithuba lam.
Lo nto iyabonisa ukuba ukusebenza uzinikele ngentliziyo emsebenzini
kuyasebenza,” utshilo uBaloyi kwingxelo ekhutshwe yiDikwena.

Ngecala emva kwentsimbi yesithathu (15:30), eDr Molemela
Stadium, iDikwena iza kudibana neBloemfontein Celtic kumdlalo we-Absa Premier
Soccer League okulindeleke ube nzima kakhulu. UBaloyi uthi baya kumdlalo
wempelaveki kunyanzelekile ukuba bawasebenzise amathuba abawafumanayo ukuze
baqokelele amanqaku amathathu. “Ndifuna ukulinceda iqela ukuze liphume
emngciphekweni wokuthotyiselwa elikuwo ngoku kwaye ndiyakholelwa ukuba
singasinda. Into efunekayo kukudlala ngokukhuthala siwasebenzise namathuba
emdlalweni. Kubalulekile nokuthembana xa sidlala ebaleni ukuze sikwazi ukuncedisana,”
uvale ngalo mazwi uBaloyi.