Udliwanondlebe nomlandeli weChippa United

Namhlanje I’solezwe lesiXhosa lithethe nosisi ozithandela ibhola ekhatywayo kakhulu. Usixelele ngezinto ezibalulekileyo, nezinto ezamtsalela kwibhola ekhatywayo, ingakumbi xa ungumlandeli weChippa United.

Pedro Mapelo : Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane zichaze ukuba ungubani, uhlalaphi, usenzani?

Nomachule Noqobo: Enkosi bhuti Mna ndingu Nomachule Noqobo, uMadlamini isiduko apha kwaChippa bandibiza Chulez okanye Ncule. Ndiphuma kula Mhlaba waseNgqushwa kwilali yaseMareledwaneni phantsi kweNkosi uMasilo Matomela. Ndixelenga kwisebe lezeMpilo apha eBhayi.

PM: Uqale nini ukuba ngumlandeli weChippa United, ibhola yona uqale nini ukuyilandela okanye wayaziswa ngubani?

NN: Ibhola kudala ndayithanda ndabangumlandeli wayo ndise sesikolweni. Kwilali yethu kwakukho iqela lebhola elalibizwa iYoung Ideas, laye lavusa iqela lamantonbazana kulapho sathi singamantombi omnyazi sazilolonga nabo, ngoko kwakusadlala oMhlangeni Tuko no Mbuyiselo Sambu lo ungusekela.mqeqeshi kwiChippa, ngabo abasifundisa ukuba ibhola elikhulu lidlalwa njani.

Ndiye ndathi xha ekuyidlaleni ukufika kwam eBhayi ndazenzela igama embhoxweni womama kwiEP Rugby kodwa ndingayekanga uxhasa njengoba ndandi ngu mlandeli weKhosi. Kuthe kusakuthiwa iChippa iza eBhayi ndavuya kakhulu kuba ndizokhe ndibukele amaqela amakhulu kufutshane.

Ifikile ke iChippa eBhayi simana sisiya kubukela no Pamela Buwa nonyana wakhe uPrince. Kwaye kwakho umfana onguLuyanda Mhlana owaye wathi bavula isebe eMotherwell noMtheza Mange masiyongena pha kubo sizoyeka ukubukela ibhola emva kwepali sodwa. Ndithetha nawe nje ndili lungu elipheleleyo labalandeli beChippa, ndingu mququzeli wesebe laseZwide.

PM: Yintoni emnandi ngokuba ngumlandeli weChippa United?

NN: Yhooo kumnandi kakhulu, ndinezihlobo ezininzi kumaphondo onke aseMzantsi Afrika ngenxa yeChippa into endingazange ndiyicinge uba ingenzeka. Okunye okumnandi uNelisa Dyaloyi wavula kwakhe uba xa imidlalo ikude neBhayi singahambanga singayobukela khona sibe kwindawo enye.

PM: Abaluleke ngantoni amasebe?

NN: Kubaluleke kakhulu ukuba ube phantsi kwesebe uzokwazi ukufumana ulwazi olululo ngeqela lakho. Okunye.ukwazi ukuxhamla kwizinto ethi iqela lethu lizise eluntwini. Sinabo ke abantu abaphethe abalandeli abafana no Yebhoo, Anele zokufa, Pamella Buwa kunye no Nelisa Dyaloyi ngabo abaququzelela yonke into enemidlalo nokuba ilapha ekhaya okanye ngaphandle.

PM: Kwezindaba zithi iChippa ingathengiswa, nizamkele njani ningabalandeli?

NN:Zona iindaba ezi zisothusile uzibona kwethu, kodwa njengoba benditshilo ngaphambili ukuba kubalulekile ukuba se sebeni sivele sayiqonda ukuba akukho bunyani kulento, ngoba uTata uMpengesi uyahlala nabaphathi bethu ngebazisile uba ibikhona into enjalo. IChippa yeyethu eMpuma koloni ayiyindawo.

PM: Ngomphi oyena mdlali omthandayo kwiChippa kuba kutheni?

NN: Ngu Nkosinathi Mthiyane. umdlalo wakhe uphucukile kwaye uyaququzela ebaleni uyakwazi.usebenzisana nabanye.

PM: Siphe iqela lakho njengomlandeli

NN:A Masuku, J Okwuosa, N Mthiyane, D Thopola, E Chipeta, S Zuke, T Sangweni, X Mlambo, J Malongoane, D Zulu, R Manzini

PM: Niziva njani njengokuba iChippa ikwindawo entle kule sizini?

NN:Ndiziva ndonwabe kakhulu yile ndawo sikuyo, inkxaso yethu singabalandeli bephondo yiyo eyenze abadlali badlala ngoku zimisela oku khulu.