UDyani uvumbulula imbali etyebileyo yamanqindi

Imbali ebhaliweyo lilifa lanaphakade lezizukulwana ezizayo. Seso sizathu kanye esibangela umsebenzi owenziwe nguMlulameli Mlamli Leonard Dyani – umbhali wencwadi ethi: ‘The Portrait Of A Winner’, ubemhle futhi ubaluleke.

Le ncwadi ebhalwe ngokucacileyo futhi efundeka lula yeyokuqala equlethe ulwazi olunzulu ngamanqindi.

Lo mdlalo wafumana indawo eMdantsane – kodwa wade wanabela nakwezinye iindawo ngenxa yokukhula kwawo.

Kule ncwadi, uDyani uvumbulule imbali yamagqala amanqindi – abona bantu esingathi ngoovulindlela balo mdlalo eMpuma Koloni elikhaya leentshatsheli.

Enye into ethe qabavu ayibalulayo umbhali kule ncwadi yindima edlalwe yilokishi yaseMdantsane ekukhuliseni lo mdlalo.

Phakathi kwamadoda abalulwa nguDyani kule ncwadi ngoompondo zihlanjiwe bamanqindi eMzantsi Afrika jikelele abafana noMzoli Madyaka noNkosana ‘HappyBoy’ Mgxaji. Omabini la madoda alibethile inqindi futhi aqinisekisile ukuba ayawufunqula nomdlalo. “Namhlanje kuthiwa silikhaya lamanqindi ngenxa kaBra’Z,” utsho uDyani.

UBra’Z ngokaMadyaka – omnye wamadoda okuqala ayebetha inqindi eMdantsane.

Igalelo lakhe alizange liphelele apho, waqinisekisa ukuba ushiya umzila emva kokuvelisa umwasalala weembethi manqindi. Le yeyona ndoda eyaguquka yanguSomashishini emva kwexesha, yawuphucula kananjalo ngeendlela ezininzi umgangatho wamanqindi eMdantsane.

UDyani umchaza uMgxaji njengenye yeembethi manqindi abazibalulayo abathi baqaqamba futhi balukhanyiselo lwezizukulwana ezilandelayo.

Eli gqala lichazwa njengekhalipha lendoda elabanomdla emanqindini liselula emva kokubukela amanqindi kwilokishi enembali – iDuncan Village.

Enye yezinto ezinomtsalane ngoMgxaji kukuba wayengadlali ngendlela kwaye wayegqwesile nakweminye imidlalo.

Le ndedeba yaseMdantsane ibaliswa njengembethi manqindi eyayohluke ngesimbo eyayisisebenzisa xa isilwa; yayiwaxhokonxa ngobuchule amadoda phambi kokuwangqengqisa ngomqolo.

Akuphelelanga apho ngoba uDyani ungenile nzulu kumsebenzi owenziwe ngabantu ababalulekileyo abafana noMzimasi Mnguni ovelise iintshatsheli zehlabathi ezifana noWelcome Ncita, uVuyani Bungu, uMbulelo Botile noSimphiwe Vetyeka.

Le ncwadi ifumaneka kuDyani ubuqu; ungamtsalela umnxeba ku 072 721 5198 okanye umbhalele ku mlamlidyani@gmail.com