UFassi akawuvali umlomo emva kokugqwesa kwiSpringbok!

Akawuvali umlomo uAphelele Fassi emva kokudlala kakuhle kwiSpringbok. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Indodana yaseQonce, uAphelele Fassi, ezenzele igama emdlalweni wayo wokuqala kwiSpringbok ithi izingomba isifuba ngomsebenzi ewenzele ilizwe layo. UFassi, 23, unconywe ngabantu abaninzi emva kokulala emgceni emdlalweni wovavanyo uMzantsi Afrika ovuthulule kuwo iGeorgia ngo’40-9 eLoftus Versfeld Stadium ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Ibingumdlalo wokuqala waMaBhokobhoko ukusukela oko abuya nendebe eJapan ngonyaka ka-2019.

Umdlalo wawo ubunazo iindawana ezikhalisayo ngenxa yexesha elide kakhulu engadlali. Nangona kube njalo, umdlalo weSprinbok uye waphucuka emva kokuswabuluka kwabadlali kwisigaba sesibini. Kodwa okuthe kwaqapheleka kukudlala kakuhle kwabadlali abatsha abafana noFassi – olele emgceni akugqiba wangcedisa ugxa wakhe uCobus Rienach ozenzele igama naye emdlalweni. “Ndibone ithuba livuleka phambi kwam ndathi mandilisebenzise,” utshilo uFassi emva komdlalo.

“Ngabaqeqeshi bethu abasikhuthaze ngelithi masiwasebenzise amathuba. Ithe qatha engqondwenii yam lo nto phambi kokulala emgceni. Ngethuba ndidlala okokuqala kwiCarling Currie Cup kwenzeka into efanayo nale yenzeke kwiSpringbok. Yinto ebasengqondweni – kodwa khange ndicinge ukuba iza kwenzeka kwiSpringbok. Yonke into yenzeke ngokukhawuleza – kodwa ndithe mandiyithembe indlela endiziva ngayo. Soze ndikulibale okwenzeke emdlalweni. Ndiyazingca ngokumela ilizwe lam. Yinto enqwenelwa ngumdlali ngamnye osakhulayo,” utshilo uFassi.

Umqeqeshi weSpringbok, uJacques Nienaber, ulincomile iqela lakhe watsho esithi belidinga kanye umdlalo onzima eliwunikwe yiGeorgia. “Ewe, besifuna umdlalo onzima ngoba sagqibella kudala ukudlala. Isinike lo nto iGeorga ebisebenzisa amandla. Umdlalo wethu uye waphucuka kwisigaba sesibini kwaye sinethemba lokudlala ngcono emdlalweni wesibini,” utshilo uNienaber. Kwakhona ngoLwesihlanu, uMzantsi Afrika uza kudibana neGeorgia emdlalweni wovavanyo e-Emirates Airline Park Stadium, eGoli.