Abasemagunyeni: ‘UZuma usityile isidlo sakhe sakusasa entolongweni wasela neepilisi’

UMphathiswa wezobuLungisa neeNkonzo zoLuleko, uRonald Lamola, uxelele isizwe ngoLwesine ukuba umbonile obesakuba nguMongameli weli, uJacob Zuma, kwintolongo yaseEstcourt KwaZulu Natal.

Usuku langoLwesine, ibilusuku lokuqala likaZuma entolongweni apho aza kudontsa khona isigwebo seenyanga ezilishumi elinesihlanu, kulandela ukugwetywa kwakhe yiNkundla yoMgaqosiseko ngokutyeshela umyalelo wenkundla.

Ethetha neentatheli, uLamola uthe: “Ndimbonile (uZuma). Usemandleni. Sele esityile isidlo sakhe sakusasa (Bhrakfesi) sokuqala (ngentsasa yangoLwesine), wazisela neepilisi zakhe.”

“Ndimxelele ukuba ndiza kuxelela ilizwe malunga nemeko yakhe ukuba ukwintolongo (yaseEstcourt), watsho ukuba kubalulekile ukuba ilizwe libenolwazi. Ubonakala ekwimeko entle,” utshilo uLamola.

Jacob Zuma UMFANEKISO: Itumeleng English/African News Agency(ANA

ULamola ukwathe uZuma akazukufumana luhoyo lukhethekileyo, endaweni kuza kusetyenziswa umthetho olawula iintolongo ukuqubisana naye. UZuma kulindeleke ukuba achithe ixesha elikwikota yesigwebo sakhe, utshilo uLamola.