Sihle Zikalala: ‘Nxamalala sime nawe’

WALWELA uxolo kwaye nangoku ebengafuni kuphalale igazi egameni lakhe, utshilo kuFacebook wakhe ngoLwesine lowo onguSihlalo weANC KwaZulu Natal, uSihle Zikalala, ebhekisa kobesakuba nguMongameli weli, uJacob Zuma.

Jacob Zuma UMFANEKISO: Bongiwe Mchunu

Oku kusemva kokuba uZuma ekusuku lwakhe lokuqala lesigwebo seenyanga ezilishumi elinesihlanu kwintolongo yaseEstcourt KwaZulu Natal. UZuma ugwetyelwe ukutyeshela umyalelo wenkundla wokuba makavele phambi kweKomishini ePhendla ukuDlakatheliswa nguMbuso.

NgoLwesine uMphathiswa wezobuLungisa neeNkonzo zoLuleko, uRonald Lamola, uxelele oonondaba ukuba umbonile uZuma ngentsasa yangoLwesine ephakathi kwizakhiwo zentolongo.

ULamola uthi uZuma uza kubekwa bucala iintsuku ezilishumi elinesine ukuze kuqhube inkqubo yokumhlola.

UZikalala ubhale kuFacebook wakhe esithi: “Nxamalala sine nawe.”

Ukanti ngoLwesihlanu kuza kuwiswa isigwebo yinkundla ephakamileyo yaseMgungundlovu malunga nesiphakamiso seqela lamagqwetha kaZuma abanga ngelithi ukubanjwa kwakhe akulunganga phambi kokuba kumanyelwe isiphakamiso asifake kwiNkundla yoMgaqosiseko ekulindeleke ukuba sixoxwe ngoMvulo.