Sichithiwe isicelo sikaZuma sokumisa ukuvalelwa kwakhe

UKUNGAVALELWA kobesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma lulwaphulomthetho kwaye nokucela ukuba inkundla imise ukubanjwa kwakhe ikwalolunye ulwaphulomthetho.

Oku kuthethwe ligqwetha uAdvocate Tembeka Ngcukaitobi ngoLwesibini kule veki ngethuba iNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu ibimamele isiphakamiso seqela lezomthetho likaZuma, elikhokelwa nguAdvocate Dali Mpofu, sokuba makumiswe ukuvalelwa kukaZuma de kubekanti isicelo sakhe sokubhena simanyelwe yinkundla yoMgaqosiseko ngoMvulo.

Jacob Zuma UMFANEKISO: ELUGCINWENI

Oku kuza emva kokuxovulwa kwenyewe emalunga nesigwebo sikaZuma kwiNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu ngoLwesibini, apho igqwetha likaZuma, uAdvocate Mpofu, ebebanga ngelithi ukubanjwa kukaZuma kwakuba kumnyhasha amalungelo wakhe nanjengoko iNkundla yoMgaqosiseko ivumile ukumamela isibheno sakhe ngakwisigwebo.

Ukanti yena uAdvocate Ngcukaitobi, obemele iKomishini ePhendla ukuDlakatheliswa koMbuso, uthe ukungabanjwa kukaZuma iya kuba kukukhuthazwa kweenkundla ukuba zophule umthetho.

UNgcukaitobi uthi uZuma “sisaphulimthetho esiquqa sibuyelela, nesizithatha njengomntu ongaphezulu komthetho”.

Isigwebo malunga nobekuxovulwa yiNkundla yaseMgungundlovu ngoLwesibini, silindeleke ukuba siwiswe ngoLwesihlanu (09 kweyeKhala).

Abalandeli bakaJacob Zuma UMFANEKISO: Doctor Ngcobo/ African News Agency(ANA)

UZuma ugwetywe iinyanga ezilishumi elinesihlanu yiNkundla yoMgaqosiseko kulandela ukutyeshela umyalelo wenkundla. Ezinzulwini zobusuku bangoLwesithathu (07 kweyeKhala) ibilusuku lokugqibela lukaZuma lokuba abanjwe ngabasemagunyeni.

IJacob Zuma Foundation ibhale kuTwitter wayo ngoLwesithathu isithi ukubanjwa kukaZuma ngaphandle kokuxoxwa kwetyala akukho semthethweni.