Ugalelekile umdlalo weWrestling eBhayi

Zama The Kwaito Kid Njokweni

Kuzakudlan’iintsimbi eqongeni kwezi ntsuku zizayo eBhayi, ngethuba kuzakube kugilana oomangang’endlovu kumdlalo wokunkulana obizwa ngokuba yiWrestling.

Abafana bendawo bazakuvan’amandla noomayitshe abasuka kumazwe ngamazwe kulo mdlalo, kukhuphiswano olubizwa ngokuba yi-2017 National Strongman Championships.

Kwintlanganiso ebibanjelwe kwindawo yokutyela ebizwa ngokuba yiCapell ekwindawo yoshishino eyaziwa ngokuba yiNewton Park, kudizwe ukuba ngomhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi kuzakube kubanjenwe ngazo kwiqonga elizakwakhiwa ngesibhubhubhu eSummestrand Hobie Beach.

Umphathi weLoyiso Events Management, iNelson Mandela Bay Pro Wrestling School of Excellence okwanququzeleli walo msitho, uMark Beale, uthe olu khuphiswano luyakuqhutywa ngobambiswano phakathi kuka-Arnold Schwarzneggar umlingisi wemiboniso-bhanyabhanya we-Arnolds Sports Festival. Uthe luyakuqhutywa rhoqo kweli laseBhayi iminyaka emithathu ezayo.

“Umdlalo wokunkulana nokujijisana uthandwa kakhulu ngabantu abadala nabancinci kwiintlanga zonke, akufani nomdlalo webhola yombhoxo ethandwa ngabelungu, umdlalo webhola ekhatywayo ethandwa ngabantsundu, umdlalo weqakamba othandwa ngabebala namangesi ngaxeshanye, wona uthandwa nazintsana ukuya kwiingwevu,” utshilo uBeale.

UBeale uthi olu lukhuphiswano olukudidi oluphezulu luya kuzisa indyebo kummandla waseBhayi kuba abadlali abaphuma kumazwe ngamazwe bekhatshwa ngabalandeli babo bayakuthontelana kule ndawo ngobuninzi, esithi nabadlali abafana noZama “The Kwaito Kid” Njokweni waseMotherwell oyakuzuza nethuba lokuba azixhwithele kwiinkunzi ezaziwayo zalo mdlalo ezifana nooMr Wrestling, uNightmare beWWP noMan Mountain Kilimanjaro ekuthiwa yi-All Africa Champion.