UGeorge Maluleka uthi kumothusile ukukhululwa yiMamelodi Sundowns

George Maluleke

Nangona evale isizini ngendlela encumisayo – kodwa kuye kwacaca ukuba uGeorge Malukela akenzanga ngokwaneleyo ukuze agcinwe yiMamelodi Sundowns. UMaluleke ngomnye wabadlali bokuqala abakhululwe yiSundowns emva kokuphela kwesizini yeDStv Premiership ka-2020/21. Ingxelo ithi le ndedeba eyayikade idlalela iKaizer Chiefs yothusiwe kukukhululwa yiSundowns emva kokunconywa ngabaqeqeshi. Oku kuthethwe nguGeorge Maluleka buqu emva kokutyikitya isivumelwano sengqesha kuMaZulu kutshanje. UMaluleka washiya iKaizer Chiefs ngonyaka ka-2020, waya kwiSundowns adlale ibathwana lemidlalo kuyo kwiisizini ezimbini.

Nakubeni kunjalo, uMaluleka uthi akaphoxekanga ngokwenzekileyo ngoba uzamile ukwenza ngako konke okusemandleni wakhe kwiSundowns. “Andifuni ukuthi ndiphoxekile. Khumbula, yonke into yenzeka ngenxa yesizathu. Sikhona isizathu esibangele bangwakwazi ukundigcina,” utshilo uMaluleka ethetha ngokuhamba kwakhe kwiintshatsheli zeDStv Premiership. “AmaZulu liqela endikulo ngoku. Andizimiselanga ke ukubuyela umva. Amacala omabini (elam neSundowns) athi akazukwazi ukuzibophelela ngomnye unyaka wesivumelwano sengqesho. Abaqeqeshi bandincoma kwaye ndinobuhlobo obuhle nabo bonke abaqeqeshi beSundowns.

“Bendithetha nabo bonke ngethuba ndisengumdlali weSundowns. Isigqibo esithathiweyo siyandonelisa ngoba bendingadlali kwiDowns ngendlela ebendinqwena ngayo,” utshilo uMaluleka. Ukusukela oko wafika kwiSundowns, uMaluleka ebesokolo ehlaselwa ngabalandeli beChiefs abangazange bamxelele ngokushiya iqela labo. “Ndiyeva ukuba kusekho abantu abakhutyekiswa kukusuka kwam kwiChiefs ndiye kwiSundowns. Ndathetha ngayo lo nto kwanela. Ngoku ndingumdlali waMaZulu ngoku. Ingqondo yam ikwiqela endikulo ngoku. Ezi zinto ziyenzeka ebholeni futhi nakwezinye iindawo kunjalo,” utshilo uMaluleka kwiSAFM kutshanje.