UHabana angaphoswa yindawo kwiBlitzbokke

IBlitzbokke zikwazile ukuwaphepha amaqela anzima, xa bekudityaniswa amaqela azakudlala kwiSevens zombhoxo, eRio ngokuhlwa izolo.

ISpringbok Sevens sithelekiswe namaqela aquka iFrance, iSpain kunye ne-Australia. Olu luhlu lwamaqela lelona lingenabunzima kakhulu. Abadlali bakaNeil Powell izakuba ziindaba ezimnandi nakubo ukuva ukuba babotshwe nala mazwe.

Awona maqela adityaniswe onke nanobunzima ngalawo azakuba kuPool C aquka iNew Zealand, Kenya, Great Britain kunye neJapan. IGreat Britain izakudibanisa abadlali abasuka kumazwe ohlukeneyo aquka iNgilane, iWales neScotland. Kulindeke ukuba iqela laseBritain lizakuba nobunzima kakhulu. Abadlali abasele beziqeqesha baquka abadlali beNgilane uTom Motchell, uDan Bibby noDan Notton.

ElikaPowell lona iqela linabadlali abalishumi elinambini abathenjiweyo ekufuneka betyunjiwe. Umqeqeshi unoxanduva lokuba enze eli nani akhiqe kubadlali abalishumi elinesithoba ababebhengezwe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Abadlali abaqhele ukudlala kwiSpringboks kwimidlalo yovavanyo uFrancois Hougaard, uJuan de Jongh, Bryan Habana noRyan Kankowski basenalo ithuba lokuya eRio.

UHougaard noDe Jongh sele beqinisekile bona ngeendawo zabo. Abanye abadlali abaqiniseke ngeendawo zabo nguCheslin Kolbe, Seabelo Senatla, Kwagga Smith, Cecil Afrika, Kyle Brown, Philip Snyman noWerner Kok.

UHabana ebedlalela iqela lakhe laseFrance iToulon ngoLwesihlanu, into ethetha ukuba akakwazanga ukufika ngexesha kwinkampu yeBlitzbokke eStellenbosch.

UPowell uthethe ngolu hlobo ngelixa ebhengeza amagama abadlali azakuziqeqesha nabo: “UHabana uyayiqonda into yokuba ukungabikho kwakhe kwangethuba kuzakumsokolisa xa ndityumba iqela lam lokugqibela.”