UJackie uqoqosha iintshatsheli zangomso

NgoMgqibelo amagqala eembethi manqindi aseMdantsane aquka uJackie Gunguluza, Mbulelo Botile noPretty Petela, ebebambe itumente yophuhlisa amanqindi edolophini eMonti.

Le tumente ibixhaswa yinkampani iAmatola Blue Bottle Liquors ibiquka iimbethi manqindi ezisa khulayo, ezisuka eMdantsane nakwezinye iilokishi zalapha eMonti.

“Injongo yokuba senze le tumente kukuba sisuse abantwana kwiziyobisi. Kwaye nathi njengeembethi manqindi eziphume izandla nezinamava besifuna ukutyala ulwazi esilufumeneyo, ekuhambeni kwethu. Ndinabo abantwana endibaqeqeshayo nam, ukuba bahlale besemcimbini. Ndifuna bafikelele kwinqanaba endandikulo nam, ukuba bayakwazi badlulele ngasentla,” utshilo uGunguluza.

Uthi bahlaba ikhwelo koosomashishini ukuba babanike inkxaso ekukhulisweni kweembethi manqindi ezizayo. “Ukuze ibe yimpumelelo le tumente sincedwe yinkxaso esififumene e-Amatola Blue Bottle Liquors.”

UGunguluza naye okhe wabamba intshinga yoMzantsi Afrika amatyeli amabini uthi ukuveza iintshatsheli ezizayo ngezi tumente, yeyona nto ingenza ulutsha lohlukane neziyobisi.

Ongumnini wale venkile uFilipe de Matos uthi iyamonwabisa into yokuba negalelo ekuphuhlisweni kwezemidlalo. “Ndiyawathanda amanqindi, kwaye ndiyawathanda amacebo kaJackie naye wayekade eyintshatsheli, ndandikonwabela nokumbukela xa esilwa ngexesha lakhe. Yilo nto ndithathe isigqibo sokwenza le nto ndiyenzileyo,” utshilo uDe Matos.

UPressure Cooker njengoko wayesaziwa uJackie xa esilwa, ubulele kakhulu inkxaso abayinikwe nguVuyani “The Beast” Bungu ekulungiseleleni le tumente.

Iimbethi manqindi eziphumeleleyo zifumene iimbasa zegolide ngelixa lowo ungaphumelelanga ebenikwa imbasa yesilivere. “Sifuna ukuba khuthaza nabo bangaphumelelanga bayazi ukuba ngokuzimisela, umntu angaba yinto afuna ukuba yiyo,” uvale ngokutsho uGunguluza.