UJames Moloi ukhusela ubufede beembaleki kwiWorld Championships

Nakubeni iimbaleki zoMzantsi Afrika zibuye ziphaca kwiWorld Championships kulo nyaka, uMongameli we’Athletics South Africa akaqondi ukuba unyaka ubumbi ngendlela abantu abawubabaza ngawo. UMnu. James Moloi ukuthethe oku emva kokugxekwa kombutho weembaleki waseMzantsi Afrika emva kokuba iimbaleki zawo zingaqhubanga kakuhle.

Ngokutsho kwakhe uMoloi, unyaka ube mbi kuba ngubangakho iimbaleki ezibuye neembasa – kodwa zikhona izinto ezintle ezenziwe ziimbaleki kwitumete yamazwe ngamazwe, iWorld Championships.

Uthe izinto ebezicwangciswe yiAthletics South Africa zenzekile nakubeni iimbaleki zingakwazanga ukubuya neembasa. Bekungekho kokuqala uMzantsi Afrika ubuya ungaphethanga nto kwenye yeetumente ezinkulu zeembaleki zehlabathi.

UCaster Semenya, obekade eyenye yeembaleki ekuthenjelwe kuzo nguMzantsi Afrika, ubalule ulawulo oluhexayo njengonobangela wokungahambi kakuhle kwiAthletics South Africa.

“Kunyanzelekile ukuba siqinise ukwenza kwethu kunyaka ozayo. Andingetsho ukuba unyaka ubumbi. Ukungabuyi nembasa kwiWorld Championship asinto embi ngendlela ebabazwa ngayo. Akufanelanga kusetyenziswe lo nto noko xa sigxekwa ngabantu,” utshilo uMoloi esenza ingxelo yokuvala unyaka.

“Ikhona imbasa yebronze esibuye nayo kwiWorld Half-Marathon ebibanjelwe eLatvia kulo nyaka. Okunye okuhle esingakubalula kukuba siququzelele inkqubo yokuxhobisa abaqeqeshi ebikhokelwe ngumqeqeshi waphesheya kolwandle ebibanjelwe ePotchefstroom.

Injongo yethu ephambili ngoku kukulungiselela ukusa iqela kwimidlalo ye’Olimpiki eza kube iseFrance kunyaka ozayo,” utshilo uMoloi, ovumileyo ukuba unyaka ozayo kufuneka ibe ngowokulungisa iimpazamo ezenzekileyo kulo nyaka.

“Kwinyanga yokuqala ka2024, siza kubamba intlanganiso enkulu esifuna ukuhlangabezana kuyo neengxaki zeembaleki. Sizimisele ukulungisa iimpazamo esicinga ukuba zenzekile kulo nyaka. Iinyanga zokuqala zonyaka ozayo siza kugxila kumalungiselelo phambi kokubhengezwa kweqela leembaleki eziza kumela uMzantsi Afrika,” uvale ngaloo mazwi okaMoloi.