Athule amanina bebhubha abakhwetha

Kuyamangalisa ukubona indlela amanina aziinkokheli zentlalo eMpuma Koloni nakuzwelonke akwamkela ngayo ukubhubha kwabakhwetha.

Oku kubonakala ngokuba amanina amaninzi kweli ayakwazi ukuxoxa ngemicimbi eyahlukeneyo enze ifuthe elibonakalayo kwenze inguqu.

Kodwa amanina athule, abukele nje ukubhubha kwabantwana esuthwini ezandleni zezifede zamadoda. Kunani amanina enganakubamba ezawo iindibano avakalise izimvo zawo ngokubulawa kwabantwana ngamadoda esuthwini.

Ababhali abafana noNjingalwazi Nokuzola Mndende bayazama ukuvula amehlo wamanina kwintlekele yokubhubha kwabakhwetha esuwthini, kodwa amanini awalandeli.

Ukuhlonela amasiko nezithethe akuthethi ukuba amanina angabukela ukubhubha kwabantwana ezandleni zamadoda minyaka le.

Uninzi lamanina lithula kuba kusithwa kuhlonelwe amasiko nezithethe, alikho isiko elidalelwe ukubulala abantwana. Intlungu anayo amanina ngokubhubha kwabantwana, kodwa iinkokheli ezingamanina zithule zibukele.

Xa kunokubakho amavolontiya angamanina anokwenza ingxolo ngokubhubha kwabakhwetha esuthiwni kungenzeka icebo.

Okumele ukuba kuyenzeka kukuba amanina la, abeyinxalenye yengxoxo enokukhokelela ekutshintshweni kwesiko lokwaluka. Olotshintsho aluthethi ukuba kuzakuthathwa umdlanga emadodeni, kodwa lutshintsho olunokuphelisa tu ukufa kwabakhwetha esuthwini.

Ehlotyeni nasebusika kubhubha abakhwetha abangaphezu kwamashumi amabini, maxa wambi abakhwetha bafika kwikhulu bebhubhele esuthwini.

Ukuthula kwamanina engathethi kwenza ukuba amadoda acinge ukuba enza into efanelekileyo okanye eyamkelekileyo kwintlalo.

Kaloku la manina akumanqanaba ahlukeneyo, wambi akulawulo lakwaRhulumente, logama amanye engenalwazi ezihlalele ezilalini. Ngalamanina aziinkokheli afundileyo ekumele ukuba akhokele iphulo lokuxoxwa kwesiko lokwaluka.

Kaloku la manina afundileyo anamandla, ikwangawo asetyenziswa ukuxokisa amanye amanina ukuze avotele lemibutho.

Mawaphume nangoku enze ingxolo kuba bayaphela abantwana. Le nyanga kaDisemba izakuphela liphezulu kakhulu inani lokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni.

Kuthiwa isithili saseOR Tambo sihamba phambili, kulapho zikhoyo, nalapho zizalwa khona iinkokheli ezingamanina ezinokwenza ingxolo. Ayenzeki le ngxolo kuba amanina aziinkokheli nawo agade ukuthandwa ukuze aphinde afumane izikhundla eziphezulu.

Wona amadoda oyisiwe lisiko lokwaluka, ngoku lixesha lokuba amanina avule imilomo axoxe ngesiko eligqiba abantwana babo.