Kubhubhe abahlanu kwingozi yemoto eKariega

Ingxelo ekhutshwe lisebe lezothutho eMpuma Koloni iqinisekise ukuba bahlanu abantu ababhubhe ngoko nangoko kwingozi eyenzeke phakathi kweKariega nedolophu yaseRhafu kuhola wendlela uR75.

Othethe egameni lesebe lezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi le ngozi yenzeke emva kokuba iimoto ezimbini zingquzulane kwaze kwaqala umlilo.

“Abantu ebebengaphakathi batshe abakwazi ukufaniseka ngenxa yomlilo, enye imoto ibinabantu abane nenye ibinabantu abane ngaphakathi,” kucacisa uBinqose.

Uhambisa athi bobane abantu abebekwenye kwenye yezimoto batshe baphela. “Ngamadoda amathathu kwakunye nomntu wasetyhini omnye abatshe baphela abanakufaniseka ngenxa yokutsha ngulo mlilo,” kutsho uBinqose.

Kwenye imoto abantu ababini basindile kwaye bakwazile ukuphuma ngokurhubuluza kobo bunzima. “Umntu omnye ubalekiselwe kwisibhedlele saseKirkwood ukuya kufumana unyango olungxamisekileyo,” kutsho uBinqose. Ukanti abanye ababini abenzakeleyo bathunyelwe kwisibhedlele iCuyler eKariega.

UMphathiswa weSebe lezothutho kuzwelonke kulindeleke ukuba othule ingxelo yethutyana echaza ngeengozi zendlela eMzantsi Afrika ukusukela oko kuqale iiholide zehlobo.

Ukusukela kwiveki ephelileyo linyukile inani lezithuthi koohola beendlela zelizwe loMzantsi Afrika. Amagosa endlela azizinxadanxada ezindleleni ethintela iingozi zendlela.