Ngubani othenga ibhotile enye yotywala exabisa imali elingana nendlu?

Eli xesha lonyaka kuxa ukuselwa kotywala kukwiqondo eliphezulu. Kuba ilixesha leziyunguma, abantu bonwabile kwaye kukho imibhiyozo efana nemigidi, imitshato, imicimbi, njalo njalo.

Ekuqaleni kwalo nyaka, i340 ml yenkonkxa yebhiya inyuke nge10c, ibhotile ye750 ml yewayini inyuke nge18c kunye ne750 ml yebhotile yeezipirithi inyuke ngeR3.90. Noxa amaxabiso enyukile, abantu basasela njengesiqhelo.

Akukho nto iyakuze yenze abantu bangaseli utywala, safunda oku eMzantsi Afrika ngexesha leKhorona. Ukuba uyakhumbula, abantu bebengavumelekanga ukuba bathenge utywala ngexesha leKhorona, lonto akuzange kubathintele ekuseleni.

Iingxelo zakutsha nje zidiza ukuba uMzantsi Afrika ukwindawo yesithandathu kwihlabathi jikelele njengelizwe labantu abaselayo. Iyamangalisa? Asicingi njalo.

Abantu baqhule kumakhasi onxibelelwano besithi baza kusela ngakumbi ukuze uMzantsi Afrika unyuke ube kwindawo yokuqala.

Utywala buza ngamaxabiso ahlukeneyo ukulungiselela iipokotho zabo bonke abaselayo. Ungasikholelwa xa sikuxelela ukuba kukho iibhotile zotywala ezixabisa imali elingana nendlu? Ukuba awusikholelwa, jonga ezi bhotile zotywala.

Nalu uluhlu lotywala obuhlanu bexabiso eliphezulu obuthengiswa eMzantsi Afrika, ezivenkileni nakwi-intanethi.

1. Balvenie 50 Year Old – R669 999

Le Balvenie eneminyaka engamashumi amahlanu (50) ubudala yiwiski exutywe ngobuchule eyenziwe nguDavid Stewart waseSkotlani.

Le wiski eluhlobo leSingle Malt Scotch iza ngeendidi ezintathu ezizodwa – Marriage 0962, Marriage 0197, kunye neMarriage 0614.

2. Glenfiddich 50 Year Old – R589 999

Le yenye yezona wiski zindala. Ziibhotile ezingamashumi amahlanu (50) zaleSingle Malt Scotch ezikhutshwa rhoqo ngonyaka. Indawo yokuvelisa iGlenfiddich yasekwa nguWilliam Grant ngo1887.

3. Chateau d’Yquem Grand Vin 1892 – R150 000

Kuthiwa iChâteau d’Yquem yeyona wayini imnandi kakhulu emhlabeni kwaye yeyona wayini imhlophe ibalaseleyo emhlabeni. Yipropathi kwisithili saseSauternes eBordeaux eFransi.

4. Ardbeg 1974 Provenance – R 132 000

Le bhotile inqabileyo neqokelelwayo iluhlobo oluphelwayo, limited edition ngelasemzini, kwaye le wiski isuka ngqo kwezankonkxa zikwindawo yokuvelisa iArdbeg.

Le wiski yenziwa ngo1974 kwaye yafakwa ebhotileni ngo1997 ukubhiyozela ukuzalwa kwakhona kweArdbeg.

5. KWV Centenary Brandy – R110 000

Ziibhotile ezilikhulu (100) kuphela zale branti ezakhutshwa ngokomlinganiselo oqingqiweyo njengenxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu (100) yeKWV ngo2018.

Yeyona branti ikhethekileyo yakhe yaveliswa yiKWV, kwaye ngexabiso leR100 000, ikwayeyona branti ibiza kakhulu eMzantsi Afrika eyakhe yenziwa.

Njengemizobo, kukho abantu abaqokelela utywala obudala njengendlela yokutyala imali. Ungayenza loo nto njengendlela yokutyala imali?

Ngeli xesha leziyunguma sithi sela ngenkathalo kwaye ungaseli uqhube. Ukongeza, ungaseli uqubhe – esinye sezizathu eziphambili zokurhaxwa kukusela utywala. Hlala ukhuselekile!