UJose Riveiro ushiyeke ezobozekile ngabadlali beCarling All-Star

Obenikwe uxanduva lokuqeqesha, uJose Riveiro, ushiyeke ezobozekile yindlela abadlali beCarling Black Label All Star abadlale ngayo ngempelaveki. Konke oku kulandela impumelelo ezuzwe yiCarling All Star ebethe iStellenbosch FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.

Emva kokuba iStellenbosch iphumelele iCarling Knockout okokuqala kunyaka ophelileyo, iye yadityaniswa neqela elenziwe ngabadlali abaphuma kumaqela ohlukeneyo abachongwe ngabalandeli.

URiveiro, obe ngumqeqeshi weqela eliphumeleleyo, ushiyeke engawuvali umlomo yindlela abadlali bakhe abathe badlala ngayo emdlalweni obungempelaveki egqithileyo.

Emva kokudibana iintsuku ezimbini, iqela lakhe liphumelele lafumana nemali elibhaso elizizigidi ezibini zerandi (R2-million). Abanye babadlali abathe bazibalula ngokufaka amagowuli baquka uAshley Du Preez noMfundo Vilakazi.

“Ndifuna ukuncoma abadlali emva kokuba bedlale ngokukhulu ukuzimisela emdlalweni. Ndiyayibulela indlela abasebenzisene ngayo nam. Sikwazile ukuqondaba futhi bazamkele nezinto esize nazo kubo,” utshilo uRiveiro emva komdlalo.

Nakubeni iStellenbosch FC iliqela eliyingozi futhi elidlala ibhola entle – kodwa ayikwazanga ukufumana ngaphezulu kwegowuli elinye elifakwe nguMervin Boji emizuzwini yokugqibela ePeter Moakaba Stadium. “Ndicinga ukuba uRama noNgcobo badlale kakuhle kakhulu phaya emva.

“Naye uKhune uye wazibonakalisa ngamaxesha ebekufuneka asebenza ngawo. Abadlali bethu bebezimisele badlale kakhulu kakhulu phaya emva emva kokuvavanywa yiStellenbosch FC amatyeli aliqela,” utshilo umqeqeshi. “Umdlalo wanamhlanje ubungekho ngoKhune, ubungeqela lilonke.

“Ndichulumancile yindlela abasebenze ngayo nabadlali abasuka kwiDiski Challenge. Benze umsebenzi omhle kakhulu. Sidlale kakuhle ngoba besizilungiselele kakuhle. Ndifuna ukubulela bonke abaqeqeshi abathe banegalelo kwimpumelelo yethu namhlanje,” utshilo uKhunne (Itumelenge) emva komdlalo ngempelaveki edlulileyo.