Owabhijela waphosa usana ematyholweni ujongene netyala lokubulala

Owabhijela waphosa usana ematyholweni ujongene netyala lokubulala.

Igqiyazana elineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) lakwaNonyevu eSajonisi lijongene netyala lokubulala emva kokuba umzimba wosana lwalo oyintombazana oluneenyanga ezilishumi elinanye (11) luzelwe lubhaqwe yindoda yasekuhlaleni ematyholweni.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo, kutyholwa ukuba ngoLwesihlanu umhla wesihlanu kweyoMqungu ka2024 le ndoda yangena ematyholweni isiya kuchama xa ifike usana lukwiplastiki yenkunkuma. Uxelele abahlali, kwaye umama wosana wakhangelwa ngempumelelo wafunyanwa.

Ngokweenkcukacha zamapolisa, ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyoMnga ka2023 usana lwagula kwaye lwasweleka malunga nentsimbi yesihlanu ekuseni ngomhla wokuqala kweyoMqungu ka2024.

Kutyholwa ngelithi lo mama wabhijela umntwana ngetawuli, wamfaka kwiplastiki emva koko wamphosa ematyholweni kwindawo yakwaNonyevu apho wayehlala khona ngelo xesha.

Emva kokuba efunyenwe ngabahlali lo mama uye wabethwa kwaye ulaliswe esibhedlele sithetha nje. Uzakubekwa ityala lokubulala kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseSajonisi. Ukuhlolwa komzimba kuya kwenziwa ukuze kubonwe oyena nobangela wokusweleka komntwana.