Anilazi isiko lokwaluka, buzani kumaHlubi

Lixesha lokuba iiNkosi namadoda wamaXhosa axelelwe okokuba ahlukane nesiko lokwaluka ngelikhusela abantwana, ayeke lentshwaqane ayenzayo, babe abantwana bebhubha ezandleni zabo.

Kukho izizwe esele zicacile ukuba zingawafundisa amaXhosa la ukuba liphathwa njani na isiko lokwaluka ngeenjongo zokukhusela abantwana.

Isizwe samaHlubi nesizwe sabeSutho zezona zizwe ziliqhuba ngaphandle kwengxaki isiko lokwalusa abantwana. Lixesha lokuba amadoda neeNkosi zamaXhosa zivume ukuba azilazi okanye zoyisiwe lisiko lokwaluka. Oku kunokulandelwa kukuba bacele uncedo kwizizwe ezifana namaHlubi nabaSuthu.

Isizwe samaHlubi nabeSuthu asinayo imbali yokubhubha kwabakhwetha. Minyaka le bambalwa kakhulu abantwana abakhe bafunyanwe bebhubhile ezandleni zamadoda abeSuthu namaHlubi.

Impakamo nokuzingca yeyona ngxaki ixake amadoda wamaXhosa oyiswa kukuvuma ukuba ukubhubha kwabakhwetha luphawu lokuba oyisiwe lelisiko. Impakamo ayinaziphumo zihle koko izala amaxhoba neenkedama.

Isizwe samaHlubi nesizwe sabeSuthu zisebenzisa indlela ephantse ifane xa besenza isiko lokwaluka, kwaye amaXhosa la angafunda. Ezi zizwe zisebenzisa indlela yokwalusa amakhwenkwe eyakhe yasetyenziswa nangamaXhosa phaya kudala, kwaye ayiyo mfihlo. AmaHlubi nabeSuthu bolusa abantwana ngokwenza ibutho lamakhwenkwe elikwinani eliphezulu.

Ukuhlala kwabantwana belubutho elikwinani eliphezulu kwenza ukuba abantwana bahlale bekhuselekile bekhuselene ngamaxesha onke. Iintsapho ziyadibana zikhangele amakhwenkwe ngokwezindlu, umzekelo amakhwenkwe wamaBhele aluswe ndawoninye ngexesha elinye namaRhadebe ngoku njalo. Oyise bala makhwenkwe bakhangela amacebo onke bedibanise iintloko ngelizama ukukhusela abantwana babo.

Iintloko ezininzi ziphuma neziphumo eziphucukileyo kunokuba kusebenze intloko enye izama ukwenza konke. Enye yezinto ezikhangelwa ngamadoda wamaHlubi xa esalusa kukuba isiko labo ligcinwa likhuselekile, abantwana bakhuselwa ngokusetyenziswa kwexhwele okanye igqirha eliphuma kwakwesasizwe.

Ngenxa yoku, abakhwetha bamaHlubi baya bephila babuye bephila eSuthwini minyaka le. Ngenxa yoko akukho mfuneko yakungenelela kukaRhulumente kwisiko labo lokwalusa. Isizwe sabeSuthu naso senza ngendlela ekwafana okanye eyelelene neyamaHlubi.

Isizwe sikaXhosa soyisiwe sona lisiko kuba kudala kudidinjelwa imali kaRhulumente kubikwa imbiba kubikwa ibuzi. Kona asoze siyeke ukuthetha izimvo zethu ngokubulawa kwabantwana ngamadoda wamaXhosa eSuthwini. Sakuthula mhla yaphela lentsomi niyenzayo ithi baya bephila babuye bephila.

Ginyani impakamo ziiNkosi zamaXhosa, ginyani impakamo madoda wamaXhosa nihambe niyobuza amacebo kumaHlubi nabeSuthu. Okumnandi kukuba ezi zizwe zonke zilapha phakathi kwentlalo yenu.

Ndiqinisekile ukuba iiNkosi namadoda wesizwe samaHlubi zingakuvuyela ukunceda ngolwazi neemfihlelo zabo benceda amaXhosa. Kaloku amaXhosa, amaHlubi nabeSuthu kweli leMpuma Koloni bagazinye ngokuzalana kooyise mkhulu.