Ayabaleka amafama oboya

UMphathiswa weSebe loPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoLimo uNonkqubela Pieters kunye nosihlalo wombutho we-Enoch Mgijima Wool Grower, uSiyambonga Booi, kunye neenkunzi zeegusha zeDohne Merino ezinikezelwe nguMasipala weSithili saseChris Hani. Umfanekiso: DRDAR

Ngenxa yeengxaki ezininzi adibana nazo amafama oboya kweli, uninzi luthabatha isigqibo sokushiya ishishini lokuvelisa uboya. Ingxelo ekhutshwe yiNational Wool Growers Association ithi, amafama awamelani neengxaki eziquka ubusela bempahla, imozulu eguqukayo kwakunye namaxabisa amayeza emfuyo. UHerman Archer ngusihlalo wombutho iNational Wool Growers Association kwiphondo laseFreyistata.

“Kwiphondo laseMpumalanga, Ntshona Koloni naseFreyistata, maninzi amafama athe ashiya kakhulu ngonyaka ka2023, ngenxa yeengxaki esijongene nazo,” kucacisa uHerman. Nangona Kunjalo amafama woboya kweli asenalo ithemba lokuba kuzakubakho utshintsho kwintengiso yoboya kulo nyaka.

Minyaka le amafama aseMpuma Koloni athengisa uboya bawo njengenye yeendlela zokukhulisa nokuphucula imveliso yabo. “Ukunqongophala okanye amaxabiso aphezulu kumachiza okugonya, imali ephezulu yokubhatala abantu esibaqeshayo zezinye zeengxaki esijongene nazo,” ucacisa atsho uHerman.

Imibutho equka iNational Wool Growers Association neCommunal Wool Growers Association ijikeleza eMpuma Koloni nakumanye amaphondo minyaka le ikhuthaza amafama woboya.

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni, uNonkqubela Pieters, uthi banenjongo ngamafama oboya. “Eyona njongo yethu iphambili kukuba amafama oboya akhule, avelisa uboya obusemgangathweni ukuze angenise imali yokwandisa nokuphucula imihlambi yabo,” utsho uPieters.

UGqirha Ariena Sherperd weNational Wool Growers Association eKZN, uthi amafama woboya mawazimisele ukujongana ngqo neengxaki ezivelayo. “Ukuntshintsha ishishini kulungile, kodwa kubalulekile ukuqinisekisa ukuba usebenza nzima ukugcina oko unako,” kutsho uSherperd.

Amafama amaninzi ashiya eli abalekele kwiindawo eziquka iJamani, Fransi neNew Zealand ukuya kukhangela amathuba angcono. “Kufuneka amafama aqhele ukuzimela angelindeli ukuxhomekeka okanye uncedo lukaRhulumente,” kutsho uHerman.

Kuthiwa amazwe aseYuropu anomtsalane kumafama aphuma kweli loMzantsi Afrika. Amafama aseMpuma Koloni acheba iigusha ezininzi rhoqo ukusukela ngenyanga yeKhala, aze athengise uboya babo.

IMpuma Koloni ihamba phambili kumaphondo avelisa uboya obuphambili kweli loMzantsi Afrika nakwihlabathi.