UJosef Zinnbauer ulindele impumelelo kwiPirates xa idibana neSwallows

Josef Zinnbauer, coach of Orlando Pirates reacts during the DStv Premiership 2020/21 match between Orlando Pirates and Mamelodi Sundowns at Orlando Stadium, Johannesburg, on 02 May 2021 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uJosef Zinnbauer, uthi iqela lakhe liqule laligangatha phambi komdlalo omkhulu ongempelaveki. Ezimnyama zamkela iSwallows elushica emdlalweni obalulekileyo weMTN8, e-Orlando Stadium, ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo. Le ndedeba yaseJamani ithi ayifuni kuzikhathaza ngenqwaba yabadlali abatsha abatyikitywe yiSwallows ngoba iyazi ukuba uBrandon Trutter unabadlali bakhe abathembile aza kubadlalisa. IPirates iza kuya ngamandla wayo onke emdlalweni ngoba ifuna ukukhusela indebe yayo yeMTN8 eyiphumelele kunyaka ophelileyo emva kweminyaka emithandathu yendlala.

“Inabadlali abatsha abaninzi iSwallows – kodwa ndiqinisekile, umqeqeshi wayo sele enabo engqondweni yakhe abadlali aza kubadlalisa. Leyo into icacile. Silungiselele nantoni na enokuza nayo iSwallows. Isaqinile nangoku ngenxa yabadlali abasemgangathweni enabo nangona ilahlekelwe ngabadlali bayo abaphambili,” utshilo uZinnbauer. Umqeqeshi uthi amalungiselelo wesizini entsha ahamba kakuhle nakubeni kusekho iindawana ezisafuna ingqwalasela. Abadlali abaninzi bePirates baya emdlalweni wangempelaveki sebeswabulukile emva kokumdlalo weCarling Black Label Cup abawudlale neKaizer Chiefs kwiiveki ezigqithileyo.

“Amalungiselelo wethu mahle – kodwa asikawagqibi. Into ebesigqile kuyo kakhulu kukudibanisa abadlali baethu abatsha nabadala. Basaqhuba kakuhle abadlali – kodwa sakubona ukuba kuza kwenzeka ntoni emdlalweni wangoMgqibelo. Silindele impumelelo. Siyiphumelele le ndebe kwisini ephelileyo. Onke amaqela akwiTop 8 afuna ukuyiphumelela nawo. Abalandeli bePirates mabalindele iinguqu emva kokufika kwabadlali abatsha. Siza kusebenzisa umdlalo weMTN8 njengamalungiselelo wesizini entsha. Sinabadlali abasemgangathweni ophezulu – kodwa abanye badinga ukunikwa ithuba ukuze bakwazi ukuzinza. Kukho ukhuphiswano ngaphakathi kwiPirates kwaye bonke abadlali bafuna ukudlala,” utshilo uZinnbauer.