UKaitano Tembo ubethe iintaka ezimbini ngelitye elinye izolo

Kaitano Tembo coach of Supersport United celebrates with his bench during the MTN8 Semi Final 2nd Leg match between Kaizer Chiefs and SuperSport United on the 01 September 2018 at FNB Stadium / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Nangona
iSuperSport United ingayiqalanga kakuhle isizini entsha ye-Absa Premier Soccer
League phantsi komqeqeshi omtsha – kodwa into encomekayo kukuba ikwazile
ukuguqula izinto kwangoko. UKaitano Tembo ulele encumile kubusuku bayizolo emva
kokubetha iintaka ezimbini ngelitye elinye. Le ndebeba yaseZimbabwe ithathe
iSuperSport United yayibeka kumdlalo wokugqibela weMTN 8 emva kokubetha iChiefs
ngo’1-0 – kwelinye icala ifikelela okokuqala kumdlalo wamagqibela kankqoyi
njengomqeqeshi oyintloko. UTembo unikwe ithuba lokuqeqesha Amatsatsantsa a
Pitori ngabaphathi emva kokubambela kwisizini egqitheleyo emva kokulahla
kuka-Eric Tinkler. Ngoku iSuperSport United inethuba elihle lokukhusela indebe [yayo]
yeMTN emva kokuyiphakamisa kunyaka ophelileyo.

Abadlali beSuperSport
badlale kakuhle izolo kwaye baye besazi emdlalweni ukuba kufuneka bawuphumelele
umdlalo ukuze badlulele phambili. Umqeqeshi uthi eyona nto baye bezimisele
ukuyenza eFNB Stadium kukuqinisekisa ukuba abadlali beChiefs abayingozi ababini,
uKhama Billiat noLeonardo Castro, abawufumani umhlaba wokudlala ibhola
kwiindawo eziyingozi. “Kumdlalo wokuqala zange ukuwuqoqosha kakuhle umdlalo
wethu. Kweli ityeli siqinisekisile ukuba uKhama akakwazi ukungena kwiindawo
ezibalulekileyo, noCastro ngokunjalo. Besisazi ukuba kufuneka sibe nomonde qha
ngoba uxinizelelo belukwiChiefs,” utshilo uTembo.

UTembo
uyiqhwabele izandla indlela abaqubisene ngayo neChiefs. “Ndiyayincoma indlela
abadlale ngayo abadlali ngoba ukuba iChiefs ibikwazile ukufaka igowuli,
ngesiphumile thina. Silwile kakhulu, nibonile ukuba uDean Furman ubengciphuza
emdlalweni – kodwa esilwa. Yile nto siyifunayo ebadlalini,” uvale ngalo mazwi
uTembo.