UKeagan Dolly uthi bafuna ukuyenza ileli yabo namhlanje iPirates

UKeagan Dolly ngumdlali weKaizer Chiefs. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Omnye wabadlali abaphambili kwiKaizer Chiefs, uKeagan Dolly, uthi bazimisele ukuthatha amanqaku emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu banyukele phezulu. Amakhosi adibana ne’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga namhlanje.

Nakubeni Amakhosi ekwazile ukubetha iCape Town Spurs etsala nzima phakathi evekini – kodwa umdlalo wawo awukhange ubakholise abantu abaninzi. UDolly, okhe wanexesha elide engadlali ngenxa yokonzakala, ukuqonda kakuhle ukubaluleka komdlalo wale mpelaveki.

“Lo ngumdlalo wam wesihlanu wedabi laseSoweto, ukuba ndidlalisiwe. Umdlalo uza kubanawo umahluko ngoba amaqela omabini akekho kwiindawo ezihloniphekileyo. Lo umdlalo awukho ngokuqhayisa qha – into ebaluleke kakhulu ngamanqaku amathathu aza kulithatha iqela alinyusele phezulu.

Awahlukanga kweminye umdlalo esiya kuwo. Sifuna amanqaku amathathu aza kusinceda sinyukele phezulu kwiDStv Premiership kuphucuke nendlela esidlala ngayo,” utshilo uDolly, ekunokwenzeka ukuba adlaliswe nguCavin Johnson.

Abaphathi beKaizer Chiefs bakhulule uMolefi Ntseki kwiiveki eziphelileyo emva kokuba iqela labo lingaqhubanga kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership eliphoswe naziindebe ezimbini. Lo nto ithetha ukuthi iChiefs yolule iminyaka yayokutsho kwithoba ukusukela ngonyaka eyagqibela ngawo ukufumana indebe kwiPSL.

Kunzima abadlali abasoloko bedlala bephantsi koxinizelelo. “Siyakwazi ukubaluleka kokuphumelela umdlalo wangempelaveki kubalandeli bethu – kodwa kuthi ngamanqaku amathathu afunekayo njengakweminye imidlalo.

“Kulindelwe lukhulu kuthi ngabalandeli, leyo into siyayazi. Kodwa sifuna ukuqhuba kakuhle kuyo yonke imidlalo esiyidlalayo. Umdlalo ngamnye ubaluleke kakhulu kubalandeli bethu. Yiyo le nto sifuna ukuphumelela yonke imidlalo esiyidlalayo.

“Siza kuya ekhefini leFIFA sincumile – kodwa kufuneka sizame ukuphumelela umdlalo esijongene nawo,” utshilo uDolly. Amaqela omabini aya edabini kakubi enethuba elide engaqhubi kakuhle. Kodwa icekwa likuJohnso oqalayo ukuqeqesha kwidabi lobukhaya lamaqela aseSoweto.