UMakgopa wophule iintlizo zeChiefs edabini laseSoweto!

Iphumelele imidlalo elandelelanayo i’Orlando Pirates okokuqala kwisizini eqhubekayo. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iKaizer Chiefs ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium ebigcwele qhu namhlanje emalanga.

Umdlali ofake igowuli ekube kuphela kwalo namhlanje nguEvidence Makgopa – obenethamsanqa lokufumana igowuli emdlalweni omkhulu namhlanje. Nakubeni iChiefs ibinawo amathuba ambalwa – kodwa yiPirates eyenze bhetele emdlalweni wanamhlanje.

Isiqingatha sokuqala siqale kakubi. Kukhatyenwe macala kwakho abaphumayo. Unikwe ikhadi elityheli uEvidence Makgopa ngenxa yokudlala kakubi uThatayaone Ditlhokwe. Kanti kwelinye icala kukhutshwe uThabiso Monyane okhatywe nguYusuf Maart kungaphelanga nemizuzu emihlanu.

Indawo yakhe ithathwe nguBandile Shandu. Emva koko, iChiefs ihlasele isebenzisa uKeagan Dolly noRanga Chivaviro – kodwa iPirates ikwazile ukuyisusa ingxaki.

Emva koko iPirates ifumene igowuli elifakwe nguMakgopa emva kwebhola entle ayifakelwe nguShandu. Nakubeni iPirates iye yalahlekelwa nguKermit Erasmus ophume ngenxa yokonzakala.

Kungene uRelebohile Mofokeng ofike wayinkathazo kwiChiefs ebingazinzanga emva. UChivaviro akwazanga ukwenza nto ngeebhola azifumeneyo ngoba ebengenamntu omxhasayo xa ebambe ibhola. Esiswini bekungahlangani kakuhle kwiChiefs, uEdson Castillo ebengabonakali noNkosingiphile Ngcobo.

UKeagan Dolly uphose ibhola entle ebikhatywe ekunene nguZitha Kwinika. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates ihamba phambili ngegowuli elinye. Kuyiwe kwisigaba sesibini iPirates izithembile ngenxa yegowuli elifumene kwangoko kwisigaba sokuqala.

Amakhosi akhe athembisa ngethuba kuhlasela uPule Mmodi ongene kwisigaba sesibini. Kodwa iPirates iphantse yenza ingozi emva kokuba uNgcobo ephise ngebhola esiswini. UMakgopa ufumene ithuba lokufaka igowuli lesibini, ngelishwa lakhe – kufike uGiven Msimango wayisusa ingozi. Amakhosi adlale umdlalo obhetele kwisigaba sesibini ngoba ibhola ibikuwo.

Abadlali bePirates bahleli emva ngoba icebo labo ibikukuyiqubula iChiefs ingalindelanga. Umdlali weChiefs oyingozi, uCastillo, akabhaqanga nto namhlanje nakubeni ezamile. UPatrick Maswanganyi, obe ngumdlali oqaqambileyo namhlanje, uphantse wayifaka engxakini iChiefs – kodwa kuye kwanceda uKhune.

Emizuzwini yokugqibela, uChristian Saile uphose ithuba lokufumana igowuli lokulinganisa. Iphumelele iPirates ngegowuli elinye nakubeni ibiphantsi koxinizelelo kwisigaba sesibini. Umdlalo wanamhlanje ubuzinyaswe nguMongameli weFIFA, oweCAF, oweSafa noMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa.