UKeagan Dolly uthi uziva esekhaya kwiKaizer Chiefs!

UKeagan Dolly ngumdlali omtsha weKaizer Chiefs.

Ekuqaleni kwale veki, Amakhosi abhengeze uKeagan Dolly njengomdlali wawo omtsha kanye phambi kokuqala kwesizini entsha kwiiveki ezizayo. UDolly ugaleleke eNaturena esuka eFrance – apho ebedlalela khona iqela ekuthiwa yiMontpoellier ahleli kulo iisizini ezintlanu zonke. Phambi kokuya eYurophu, uDolly wayengomye wabadlali abaphambili kwiMamelodi Sundowns abayincedayo yaphumelela iindebe. Ukufika kwakhe kwiKaizer Chiefs kumhlanganise namadoda awayedlala nawo, uKhama Billiat noLeonardo Castro. Ngeentsuku zabo kwiDowns, babebizwa ngokuba bayiCBD. UDolly uvakalise uchulumanco olungathethekiyo emva kokutyikitywa kwakhe yiKaizer Chiefs ekulindeleke avuselele kuyo isakhono sakhe emva kokukhathazwa kukonzakala eFrance.

“Kuyandonwabisa ukuba ngumdlali weChiefs. Andisakwazi nokulinda, ndingxamele ukudibana neqela lonke siqale umsebenzi,” utshilo uDolly ngolukhulu uvuyo. Ukudlalela kwakhe iChiefs kungalula ngenxa yokuqhelana nabadlali afike bekhona.

“Sisasondelelene noKhama. Ndivuyiswa kukuba ndiza kudlala nabo. Kwakumnandi ukudlala nabo kwiSundowns ngoba umdlalo wethu wawudibana ebaleni. Ndiziva ndisekhaya ngoba abadlali abaninzi ndibaqhelele kwiqela lesizwe. Lo nto iza kwenza kubelula ukuqhelana noogxa bam abatsha. UTata wam wandifundisa neChiefs ndisemncinane. Ndabangumlandeli wayo ndiseneminyaka emihlanu.

“Abadlali abafana neShoes Moshoeu, uStanton Fredericks noJabu Pule (Mahlangu) ngabona ababesenza ndiyibukele iChiefs. Ndiyayazi imbali yeChiefs nento efunekayo. Ndikulungele ukudibana nabanye abadlali siqale umsebenzi. Nangona bendikhathazwa kukonzakala – kodwa zininzi izinto endizifundileyo eFrance,” utshilo uDolly. Okunye okuza kwenza izinto zibelula kuDolly ngabantu abafana noBaxter, u-Arthur Zwane noMolefi Ntseki akhe wasebenza nabo kwiqela lesizwe.

Abanye abadlali abatyikitye yiChiefs nguCole Alexander, uBrandon Peterson, uSifiso Hlanti, uPhathutshedzo Nange, uNjabulo Ngcobo, uSibusiso Mabiliso, uKgaogelo Sekgota, uGiven Thibedi no-Austin Dube. Kwangaxeshanye, iChiefs yohlukene noWillard Katsande, uPhilani Zulu, uKgotso Moleko, uBrylon Petersen, uLazarus Kambole, uSiphosakhe Ntiya-Ntiya noYagan Sasman.