Ukonzakala kukaJaco Kriel kwenzakalisa iSpringboks

Iqela lesizwe lombhoxo, iSpringboks, lisazikhotha amanxeba emva kokuvuthululwa ziintshatsheli zendebe yehlabathi yombhoxo, iNew Zealand, kwimpela veki ephelileyo.

Kwaye lincinci ukuba likhona ithemba lokuba abafana baka-Allister Coetzee bangaphumelela iRugby Championship yalo nyaka, iKiwis ikwazizo ezisethubeni elihle kakhulu.

Ukongeza kwiinduma zeli qela, izolo kuvele iindaba ezithi umdlali odlala ephikweni kwiBoks, uJaco Kriel, angangaphinde adlale kulo nyaka ngenxa yomonzakalo osegxalabeni.

Lo mdlali odlala kwiLions kwiSuper Rugby kweli loMzantsi Afrika uyincutshe ngenxa yesantya sakhe nokudlala ngokuzimisela okukhulu. Indawo yakhe ibibonakala kakhulu kumdlalo wangoMgqibelo. Ebelithemba leBoks xa bezidlala ntanganye neWallabies ePerth kutshanje.

UKriel kulindeleke ukuba angadlali isithuba seenyanga ezintandathu, le nto ithetha ukuba akazokuphinda athathe nxaxheba kule Championship ezakuphela kwinyanga yeNkanga.

Kufuneka uCoetzee afumane umdlali ozakuvala isikhewu sakhe, oyena mdlali uza kufaneleka nangakumbi nguFrancois Louw kuba noWarren Whiteley ugutyungelwe ngumenzakalo.

UKriel iindaba zokuba akazokudlala mbhoxo wonke lo nyaka uzibhengeze kwikhasi lakhe lonxibelelwano lika-Instagram, into eza kuzibuyisela umva kakhulu iiBoks kuba ebedlala into edibanayo noSiya Kolisi.

Baninzi abadlali abangakwaziyo ukudlala kwindawo kaKriel, baquka uSikhumbuzo Notshe, Nizaam Carr no-Andisa Ntsila odlalela iSouthern Kings eBhayi. Kodwa ngaphandle kwamathandabuzo uCoetzee uzakukhetha uLouw ngenxa yamava.

Ngelixa ethetha neSuperSport ebutsheni bale veki, uCoetzee ukukhankanyile ukuba uLouw nguye olaleleyo. Umdlalo olandelayo wovavanyo weBoks zizakuqubisana neWallabies kwakhona eBloemfontein ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga.

Olandela lowo umdlalo, iiBoks zizakwamkela iNew Zealand eKapa ngomhla wesixhenxe kweyeDwarha.